Uthando malungabi naluhanahaniso. Kwenyanyeni okungendawo; namathelani kokulungileyo. Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele; mayela nembeko leyo, phangelanani; Musani ukunqena ishishini; ushushu emoyeni; khonzani iNkosi; Vuyani ninethemba; nyamezelani embandezelweni; nizingisa emthandazweni; Yiboneleleni iintswelo zamakholwa; ziphatheni ngokubuka iindwendwe. Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi. Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo. Cingelanani nto-nye; musani ukucinga izinto eziphakamileyo, tsalelani kwezithobekileyo. Musani ukuba ziingqondi ngokwenu. Musani ukubuyekeza ububi ngobubi nakubani. Yenzani okulungileyo phambi kwabantu bonke. Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke.
Funda KwabaseRoma 12
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: KwabaseRoma 12:9-18
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo