KWABASEROMA 12:9-18

KWABASEROMA 12:9-18 XHO75

Uthando malungabi naluhanahaniso; kuthiyeni okungendawo, namathelani kokulungileyo. Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele; mayela nembeko leyo, phangelanani; mayela nokunyameka oko, musani ukunqena; mayela nomoya lo, vuthani; mayela neNkosi le, khonzani; mayela nethemba, vuyani; mayela nembandezelo, nyamezelani; mayela nomthandazo, zingisani; mayela neentswelo zabangcwele, yibani nobudlelane; ukubuka iindwendwe kusukeleni. Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi. Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo. Cingelanani nto-nye; musani ukucinga izinto eziphakamileyo, tsalelani kwezithobekileyo. Musani ukuba ziingqondi ngokwenu. Ningabuyekezi ububi ngobubi nakubani. Khathalelani okùhle emehlweni abantu bonke. Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke.