Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo. Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko. Zondelelani ningatyhafi. Yibani nefuthe loMoya. Yikhonzeni iNkosi. Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki. Ziboneleleni iintswelo zamakholwa, nizikhathaze ngokubuka iindwendwe. Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi. Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo. Yibani moya mnye. Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba. Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi. Musani ukubuyekeza ububi ngobubi. Zimiseleni ukwenza okulungileyo phambi kwabantu bonke. Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke.
Funda KWABASEROMA 12
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: KWABASEROMA 12:9-18
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo