uMarko 9:1-29

uMarko 9:1-29 CXB24

Wayesithi kubo, Inene ndithi kuni, Kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa bona, bade babubone ubukumkani bukaThixo busiza ngamandla. uYesu ke, emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. Zabengezela iingubo zakhe, zamhlophe njengekhephu; njengokuba kungekho mcoci weempahla emhlabeni unako ukuba mhlophe. Kwabonakala kubo uEliya enoMoses; baye bethetha noYesu. Waphendula ke uPetros wathi kuYesu, Rabhi, kuhle ukuba sibe lapha; masenze iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho; omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya. Kuba ubengayazi into abengayithethayo; ngokuba bebesoyika kunene. Kwabakho ilifu elibenzela ithinzi, kweza nezwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena. Basingasinga, ababi sabona mntu, yanguYesu yedwa enabo. Bakubon’ ukuba bayehla entabeni apho, wabayala ukuba bangazityeli bani ezo zinto bazibonileyo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu. Elo zwi balibamba lakubo bodwa bebuzana ukuba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na. Bambuza besithi, Yini na ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci? Uphendule ke wathi kubo, Okunene uEliya, efike tanci, wobuya azimise zonke izinto; kwaba njani na kubhalwe ngaye uNyana woMntu, ukuba umelwe kukuthi eve ubunzima obukhulu, enziwe into engento? Ke ndithi kuni, ufikile uEliya, baza benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko kubhaliweyo ngaye. Akufika kubafundi bakhe, wabona indimbane enkulu ibangqongileyo, nababhali bebuzana nabo. Sakumbona sakhwankqiswa kwaoko sonke isihlwele, sabalekela kuye, sambulisa. Wababuza ababhali, esithi, Nibuzana ntoni na nabo? Waphendula omnye wasesihlweleni wathi, Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, enomoya ongathethiyo; apho uthe wamqubula khona, uyamntlala, aze alephuze amagwebu, atshixize amazinyo akhe, asuke ome; ndithethe kubafundi bakho ukuba bawukhuphe; ababa nako. Umphendule ke wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum. Bamzisa kuye. Akumbona, wesuka kwaoko umoya, wambetha wee xhwenene; yawa emhlabeni, yaqikaqika, ilephuza amagwebu. Wabuza kuyise, ukuba kumgama ungakanani na imhlile le nto? Wathi ke yena, Kwaesengumntwana. Umphose futhi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba umtshabalalise; kodwa ukuba unako ukwenza into, sisize, usikwe yimfesane sithi. Wathi uYesu kuye, Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo. Wakhala kwaoko uyise womntwana lowo, wathi eneenyembezi, Ndiyakholwa, Nkosi; kuncede ukungakholwa kwam. Uthe ke uYesu, ebone ukuba isihlwele sibalekela ndaweni-nye, wawukhalimela umoya ongcolileyo, esithi kuwo, Moyandini ungathethiyo usithulu, mna ndiyakuthethela, phuma kuye, ungabi sangena kuye. Wakhala umoya, wambetha wee xhwenene kunene, waphuma kuye; bada abaninzi bathi, Ufile. uYesu ke wambamba ngesandla, wamphakamisa; wavuka. Eye kungena endlwini, bambuza abafundi bakhe ngasese, besithi, Yayiyini na ukuba singabi nako ukuwukhupha thina? Wathi kubo, Olu hlobo alunako ukuphuma nganto, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.