UMARKO 9:1-29
UMARKO 9:1-29 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wayesithi kubo, Inene ndithi kuni, Kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa bona, bade babubone ubukumkani bukaThixo busiza ngamandla. uYesu ke, emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. Zabengezela iingubo zakhe, zamhlophe njengekhephu; njengokuba kungekho mcoci weempahla emhlabeni unako ukuba mhlophe. Kwabonakala kubo uEliya enoMoses; baye bethetha noYesu. Waphendula ke uPetros wathi kuYesu, Rabhi, kuhle ukuba sibe lapha; masenze iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho; omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya. Kuba ubengayazi into abengayithethayo; ngokuba bebesoyika kunene. Kwabakho ilifu elibenzela ithinzi, kweza nezwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena. Basingasinga, ababi sabona mntu, yanguYesu yedwa enabo. Bakubon’ ukuba bayehla entabeni apho, wabayala ukuba bangazityeli bani ezo zinto bazibonileyo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu. Elo zwi balibamba lakubo bodwa bebuzana ukuba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na. Bambuza besithi, Yini na ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci? Uphendule ke wathi kubo, Okunene uEliya, efike tanci, wobuya azimise zonke izinto; kwaba njani na kubhalwe ngaye uNyana woMntu, ukuba umelwe kukuthi eve ubunzima obukhulu, enziwe into engento? Ke ndithi kuni, ufikile uEliya, baza benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko kubhaliweyo ngaye. Akufika kubafundi bakhe, wabona indimbane enkulu ibangqongileyo, nababhali bebuzana nabo. Sakumbona sakhwankqiswa kwaoko sonke isihlwele, sabalekela kuye, sambulisa. Wababuza ababhali, esithi, Nibuzana ntoni na nabo? Waphendula omnye wasesihlweleni wathi, Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, enomoya ongathethiyo; apho uthe wamqubula khona, uyamntlala, aze alephuze amagwebu, atshixize amazinyo akhe, asuke ome; ndithethe kubafundi bakho ukuba bawukhuphe; ababa nako. Umphendule ke wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum. Bamzisa kuye. Akumbona, wesuka kwaoko umoya, wambetha wee xhwenene; yawa emhlabeni, yaqikaqika, ilephuza amagwebu. Wabuza kuyise, ukuba kumgama ungakanani na imhlile le nto? Wathi ke yena, Kwaesengumntwana. Umphose futhi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba umtshabalalise; kodwa ukuba unako ukwenza into, sisize, usikwe yimfesane sithi. Wathi uYesu kuye, Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo. Wakhala kwaoko uyise womntwana lowo, wathi eneenyembezi, Ndiyakholwa, Nkosi; kuncede ukungakholwa kwam. Uthe ke uYesu, ebone ukuba isihlwele sibalekela ndaweni-nye, wawukhalimela umoya ongcolileyo, esithi kuwo, Moyandini ungathethiyo usithulu, mna ndiyakuthethela, phuma kuye, ungabi sangena kuye. Wakhala umoya, wambetha wee xhwenene kunene, waphuma kuye; bada abaninzi bathi, Ufile. uYesu ke wambamba ngesandla, wamphakamisa; wavuka. Eye kungena endlwini, bambuza abafundi bakhe ngasese, besithi, Yayiyini na ukuba singabi nako ukuwukhupha thina? Wathi kubo, Olu hlobo alunako ukuphuma nganto, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.
UMARKO 9:1-29 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wayesithi kubo, Inene ndithi kuni, Kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa bona, bade babubone ubukumkani bukaThixo busiza ngamandla. Uthi uYesu, emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. Waza wenziwa wakumila kumbi phambi kwabo. Zasuka neengubo zakhe zabengezela, zamhlophe kunene njengekhephu, ekungekho mchazi wangubo emhlabeni apha unako ukuzenza mhlophe kangako. Kwabonakala kubo uEliya enoMoses; baye bethetha noYesu. Uthi aphendule uPetros athi kuYesu, Rabhi,• kuhle ukuba sibe lapha; masenze iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya. Kuba ubengayazi into abengayithethayo; kuba bebesoyika kakhulu. Kwabakho ilifu elibenzela ithinzi; kweza nezwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena. Bakuthi ukusingasinga, ababa sabona mntu, babona selinguYesu yedwa onabo. Ke kaloku, bakubon' ukuba bayehla entabeni apho, wabayala ukuba bangazityeli bani ezo zinto bazibonileyo, kungaba kude kube kuxa athe wavuka kwabafileyo uNyana woMntu. Elo zwi balibamba lakubo bodwa bebuzana ukuba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na. Baye bembuza besithi, Bathini na ababhali, ukuthi uEliya umelwe kukufika tanci? Uphendule ke wathi kubo, UEliya okunene, efike tanci, wobuya azimise zonke izinto; wabaxelela nokokuba kuthiweni na ukubhalwa ngaye uNyana woMntu, ukuba ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto. Ke ndithi kuni, Ufikile uEliya, baza benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko kubhaliweyo ngaye. Akufika kubafundi, wabona isihlwele esikhulu sibaphahlile, nababhali bebuzana nabo. Sathi kwaoko sonke isihlwele sakumbona saqhiphuka umbilini; beza kuye ngokubaleka, bambulisa. Wababuza ababhali, esithi, Nibuzana ntoni na nabo? Waphendula omnye wasesihlweleni wathi, Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, enomoya ongathethiyo; apho uthe wamqubula khona, uyamntlala, aze alephuze amagwebu, atshixize amazinyo akhe, asuke ome; ndithethé kubafundi bakho ukuba bawukhuphe; bakhohlwa. Amphendule ke yena athi, Sizukulwanandini singakholwayo, koda kube nini na ndikuni? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum. Bamzisa kuye. Akumbona, wesuka kwaoko umoya, wambetha wee xhwenene; wawa emhlabeni, wamana eqikaqikeka, elephuza amagwebu. Wabuza kuyise, ukuba kumgama ungakanani na imhlile le nto. Wathi ke yena, Kwaesengumntwana; úmphose futhi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba umtshabalalise; ukuba ùnako ukwenza into, sisize, usikwe yimfesane sithi. Wathi ke uYesu kuye, Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo. Wakhala kwaoko uyise womntwana lowo, wathi eneenyembezi, Ndiyakholwa, Nkosi; síza, ususe ukungakholwa kwam. Uthe ke uYesu, ebone ukuba isihlwele sibalekela ndaweni-nye, wawukhalimela umoya ongcolileyo, esithi kuwo, Moyandini ungathethiyo usithulu, mna ndiyakuthethela, phuma kuye, ungabi sangena kuye. Wakhala wona, wambetha wee xhwenene kunene, waphuma; waba njengofileyo, bada abaninzi bathi, Ufile. Uthe ke uYesu wambamba ngesandla, wamvusa; wesuka wema. Eye kungena endlwini, bambuza abafundi bakhe ngasese, besithi, Yayiyini na ukuba singabi nako ukuwukhupha thina? Wathi kubo, Olu lona uhlobo alunako ukuphuma nganto, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.
UMARKO 9:1-29 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, kukho abathile kwabakhoyo apha abangayi kuze beve kufa, bade bakubone ukuthwasa kolawulo lukaThixo olunobunganga. ” Emva kweentsuku ezintandathu, uYesu uthathe uPetros noYakobi noYohane, banyuka intaba ephakamileyo bebodwa. UYesu ke wenziwa kumila kumbi phambi kwabo. Zasuka nezambatho zakhe zabengezela, zamhlophe qhwa; zamhlophe ngangokuba kungabikho bani emhlabeni apha unokuzenza njalo. Kwabonakala uEliya noMosis bethetha noYesu. Wasuka ke uPetros wathi kuYesu: “Mfundisi, kulungile ukuba sibe lapha. Masakhe amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.” Wayesitsho kuba ebengayazi into anokuyithetha, kuba babesoyika kakhulu. Ke kwabakho ilifu elibagubungelayo, kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.” Bakusinga-singa ke, ababa sabona mntu wumbi ngaphandle koYesu. Xa babesihla entabeni, uYesu wabayala ukuba bangazixeleli bani ezo zinto bazibonileyo, ade yena *uNyana woLuntu avuke kwabafileyo. Babambelela kule ntetho, bebuzana bodwa ukuba ngaba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na. Bambuza uYesu besithi: “Kungani na ukuba abachazi-mthetho bathi uEliya umelwe kukufika kuqala?” Waphendula wathi kubo: “Ewe, okunene nguEliya ofikayo kuqala azilungise zonke izinto. Kodwa ke kutheni ukuba *iziBhalo zitsho ukuthi uNyana woLuntu ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto? Mna ke ndithi kuni: ufikile uEliya, baza abantu benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko zitshoyo ngaye iziBhalo.” Bakufika kubafundi, babona isihlwele sibangqongile, nabachazi-mthetho bebaxoxisa. Sakumbona isihlwele, savuyiseka kakhulu sonke, sasuka kwangoko saya kuye sibaleka, sambulisa. Wababuza ke esithi: “Nixoxisana ngantoni na?” Waphendula omnye esihlweleni apho wathi: “Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, kuba unendimoni emenza angathethi. Ithi le ndimoni yakumqubula axhuzule, alephuze amagwebu, atshixize namazinyo, asuke ome. Ndithethe nabafundi bakho ukuba bayikhuphe, kodwa bakhohlwa.” UYesu waphendula wathi kubo: “Sizukulwanandini esingakholwayo, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezela? Mziseni kum!” Bamsa ke. Loo ndimoni, yakumbona uYesu, yesuka kwangoko yamhlasela watsho waxhuzula unyana lowo, wawa emhlabeni, wamana eqika-qikeka, elephuza amagwebu. UYesu ke wabuza kuyise ukuba únaxesha lingakanani na ehliwe yile nto. Wathi yena: “Kwasebuntwaneni bakhe. Le ndimoni imphose kaninzi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba imtshabalalise. Ke ukuba unako ukwenza into, sincede uvelane nathi.” Wathi kuye uYesu: “Oo, uthi: ‘Ukuba ndinako;’ – zonke izinto zinokwenzeka kokholwayo.” Kwangoko ke wakhala uyise womntwana lowo, wathi: “Ndiyakholwa! Ndincede apho ukholo lwam lungenakufikelela khona!” UYesu ke, ebona isihlwele sibuthelana ngakumbi, wayikhalimela indimoni, esithi kuyo: “Ndimonindini engathethiyo, esisithulu, ndithi kuwe, phuma kuye, ungaze uphinde ungene!” Yakhala indimoni, yambetha watsho waxhuzula kunene umntwana, yaphuma. Umntwana lowo ke waba njengofileyo, bada abaninzi bathi: “Ufile.” UYesu ke wambamba ngesandla, wamvusa, wesuka wema. UYesu eye kungena endlwini, abafundi bakhe bambuza ngasese besithi: “Bekutheni ukuba singabi nako ukuyikhupha le ndimoni thina?” Wathi kubo: “Olu lona uhlobo alunako ukuphuma kungengako ukuthandaza.”
UMARKO 9:1-29 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wayesiti kubo: Ngokwenene nditi kuni: Bako inxenye yabemiyo apa, abangasayi kuva ukufa, bade babone ubukumkani BUKATIXO buzile ngamandla. WAZA u‐Yesu emveni kwentsuku ntandatu watabata naye u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane, wabanyusela entabeni ende ngasese bebodwa. Waza wenziwa ngakumbi isimilo sake pambi kwabo, zati izivato zake zaba zibengezela, zimhlope kakulu njengengqweqwe, ngendawo ekungeko msuki emhlabeni ongazenzayo zibe mhlope kangaka. Kwati kekaloku kwabonakala kubo u‐Elija ndawonye no‐Mosesi, ababeteta no‐Yesu. Waza wapendula u‐Petrosi wati ku‐Yesu: Rabi! kulungile ukuba sibe lapa; masenze ke amapempe abe matatu, elinye libe lelako, elinye libe lelika‐Mosesi, elinye libe lelika‐Elija. Ngokuba ebengazi ukuba woteta nto nina; ngokuba bebesoyika kakulu. Kwaye kuko nelifu libasibekelela; kanjalo kwavela ilizwi elifini, lisiti: Lo ungunyana wam otandiweyo; mveni yena. Baza bati bakusingasinga ngokwalama, ababi sabona mntu, kupela u‐Yesu yedwa enabo. Kekaloku bakuhla entabeni, wabayala ukuba mabangabaliseli mntu izinto ababezibonile, xeshekweni angekatanga unyana wesintu wavuka ekufeni. Nelozwi balibamba pakati kwabo, bebuzisana ukuba kukuti nina ukuvuka ekufeni. Baza bambuza, besiti: Yinina lento ababa̔li bati: u‐Elija ufanele ukuza tanci? Wapendula wati kubo: u‐Elija okunene esiza tanci, uyabuya amise into zonke; nokuba kutiwe nina ukuba̔lwa ngaye unyana wesintu, ukuba eve intlungu ezininzi, adelwe nokudelwa. Koko nditi kuni: u‐Elija selezile, benza ngakuye kanjako konke bakwenzayo, njengokuba kuba̔liwe ngaye. Kekaloku akufika kubadisipile, wabona isihlwele esikulu sibapahla, nababa̔li bebuzisana nabo. Sasesisiti ke sonke isihlwele sakumbona, samangaliswa kakulu, beza ngokubaleka bambulisa. Waza wabuza kubaba̔li, esiti: Nibuzisana nabo ngandawo nina? Waza wapendula owasesihlweleni, wati: Mfundisi! ndizisile unyana wam kuwe, enomoya ongatetiyo; oti kekaloku apo asukuba emqubula kona, amti kahla; aze axape amagwebu, atshixize amazinyo ake, ashwabane ke: ndaza ndateta kubadisipile bako ukuba mabamku̔pe; bakohlwa ke. Wampendula wati: Sizukulwana esingakolwayo! ndobako kuni kude kube ninina? ndoninyamezela kude kube ninina? mziseni kum. Bamzisa ke kuye: wati akumbona, waselesiti umoya wamṙuzula; wawa pantsi emhlabeni ke, waqikileka exapa amagwebu. Waza wabuza kuyise, esiti; Lixesha elingakananina lento isel’ imhlile? Wayesiti: Kuseloko ebengumntwana: waye kwa futi emposile nasemlilweni nasemanzini, ukuze ambubise: kodwa ukuba ungenza into, yiba nosizi pezu kwetu, usisize. Wayesiti u‐Yesu kuye: Ukuba ungakolwa, zonke izinto ziyenzekela okolwayo. Waza waseledanduluka uyise womfana, wati enenyembezi: Ndiyakolwa, Nkosi! siza ukungakolwa kwam. Kekaloku akubona u‐Yesu ukuba abantu bebebalekela endaweni nye, watetisa umoya onco̔lileyo, wati kuye: Wena moya ongatetiyo ongevayo! ndiyakuyalela mna, puma kuye, uze ungabi sangena kuye. Waza wadanduluka, wamṙuzula kakulu, wapuma ke; wati umfana waba njengokungati ufile, bada bati abaninzi: Ufile. Kodwa u‐Yesu wambamba ngesandla, wamvusa; wesuka wema ke. Wati kekaloku akungena endlwini, abadisipile bake bambuza ngasese, besiti: Yinina lento sibe sikohliwe kukumku̔pa tina? Waza wati kubo: Oluhlobo alungepume nganto kupela ngokutandaza nangokuzila ukutya.