UMARKO 9:1-29

UMARKO 9:1-29 XHO96

Wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, kukho abathile kwabakhoyo apha abangayi kuze beve kufa, bade bakubone ukuthwasa kolawulo lukaThixo olunobunganga. ” Emva kweentsuku ezintandathu, uYesu uthathe uPetros noYakobi noYohane, banyuka intaba ephakamileyo bebodwa. UYesu ke wenziwa kumila kumbi phambi kwabo. Zasuka nezambatho zakhe zabengezela, zamhlophe qhwa; zamhlophe ngangokuba kungabikho bani emhlabeni apha unokuzenza njalo. Kwabonakala uEliya noMosis bethetha noYesu. Wasuka ke uPetros wathi kuYesu: “Mfundisi, kulungile ukuba sibe lapha. Masakhe amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.” Wayesitsho kuba ebengayazi into anokuyithetha, kuba babesoyika kakhulu. Ke kwabakho ilifu elibagubungelayo, kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.” Bakusinga-singa ke, ababa sabona mntu wumbi ngaphandle koYesu. Xa babesihla entabeni, uYesu wabayala ukuba bangazixeleli bani ezo zinto bazibonileyo, ade yena *uNyana woLuntu avuke kwabafileyo. Babambelela kule ntetho, bebuzana bodwa ukuba ngaba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na. Bambuza uYesu besithi: “Kungani na ukuba abachazi-mthetho bathi uEliya umelwe kukufika kuqala?” Waphendula wathi kubo: “Ewe, okunene nguEliya ofikayo kuqala azilungise zonke izinto. Kodwa ke kutheni ukuba *iziBhalo zitsho ukuthi uNyana woLuntu ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto? Mna ke ndithi kuni: ufikile uEliya, baza abantu benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko zitshoyo ngaye iziBhalo.” Bakufika kubafundi, babona isihlwele sibangqongile, nabachazi-mthetho bebaxoxisa. Sakumbona isihlwele, savuyiseka kakhulu sonke, sasuka kwangoko saya kuye sibaleka, sambulisa. Wababuza ke esithi: “Nixoxisana ngantoni na?” Waphendula omnye esihlweleni apho wathi: “Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, kuba unendimoni emenza angathethi. Ithi le ndimoni yakumqubula axhuzule, alephuze amagwebu, atshixize namazinyo, asuke ome. Ndithethe nabafundi bakho ukuba bayikhuphe, kodwa bakhohlwa.” UYesu waphendula wathi kubo: “Sizukulwanandini esingakholwayo, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezela? Mziseni kum!” Bamsa ke. Loo ndimoni, yakumbona uYesu, yesuka kwangoko yamhlasela watsho waxhuzula unyana lowo, wawa emhlabeni, wamana eqika-qikeka, elephuza amagwebu. UYesu ke wabuza kuyise ukuba únaxesha lingakanani na ehliwe yile nto. Wathi yena: “Kwasebuntwaneni bakhe. Le ndimoni imphose kaninzi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba imtshabalalise. Ke ukuba unako ukwenza into, sincede uvelane nathi.” Wathi kuye uYesu: “Oo, uthi: ‘Ukuba ndinako;’ – zonke izinto zinokwenzeka kokholwayo.” Kwangoko ke wakhala uyise womntwana lowo, wathi: “Ndiyakholwa! Ndincede apho ukholo lwam lungenakufikelela khona!” UYesu ke, ebona isihlwele sibuthelana ngakumbi, wayikhalimela indimoni, esithi kuyo: “Ndimonindini engathethiyo, esisithulu, ndithi kuwe, phuma kuye, ungaze uphinde ungene!” Yakhala indimoni, yambetha watsho waxhuzula kunene umntwana, yaphuma. Umntwana lowo ke waba njengofileyo, bada abaninzi bathi: “Ufile.” UYesu ke wambamba ngesandla, wamvusa, wesuka wema. UYesu eye kungena endlwini, abafundi bakhe bambuza ngasese besithi: “Bekutheni ukuba singabi nako ukuyikhupha le ndimoni thina?” Wathi kubo: “Olu lona uhlobo alunako ukuphuma kungengako ukuthandaza.”