Wayesithi kubo, Inene ndithi kuni, Kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa bona, bade babubone ubukumkani bukaThixo busiza ngamandla.
Uthi uYesu, emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. Waza wenziwa wakumila kumbi phambi kwabo. Zasuka neengubo zakhe zabengezela, zamhlophe kunene njengekhephu, ekungekho mchazi wangubo emhlabeni apha unako ukuzenza mhlophe kangako. Kwabonakala kubo uEliya enoMoses; baye bethetha noYesu.
Uthi aphendule uPetros athi kuYesu, Rabhi,• kuhle ukuba sibe lapha; masenze iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya. Kuba ubengayazi into abengayithethayo; kuba bebesoyika kakhulu. Kwabakho ilifu elibenzela ithinzi; kweza nezwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena. Bakuthi ukusingasinga, ababa sabona mntu, babona selinguYesu yedwa onabo.
Ke kaloku, bakubon' ukuba bayehla entabeni apho, wabayala ukuba bangazityeli bani ezo zinto bazibonileyo, kungaba kude kube kuxa athe wavuka kwabafileyo uNyana woMntu. Elo zwi balibamba lakubo bodwa bebuzana ukuba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na.
Baye bembuza besithi, Bathini na ababhali, ukuthi uEliya umelwe kukufika tanci? Uphendule ke wathi kubo, UEliya okunene, efike tanci, wobuya azimise zonke izinto; wabaxelela nokokuba kuthiweni na ukubhalwa ngaye uNyana woMntu, ukuba ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto. Ke ndithi kuni, Ufikile uEliya, baza benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko kubhaliweyo ngaye.
Akufika kubafundi, wabona isihlwele esikhulu sibaphahlile, nababhali bebuzana nabo. Sathi kwaoko sonke isihlwele sakumbona saqhiphuka umbilini; beza kuye ngokubaleka, bambulisa. Wababuza ababhali, esithi, Nibuzana ntoni na nabo?
Waphendula omnye wasesihlweleni wathi, Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, enomoya ongathethiyo; apho uthe wamqubula khona, uyamntlala, aze alephuze amagwebu, atshixize amazinyo akhe, asuke ome; ndithethé kubafundi bakho ukuba bawukhuphe; bakhohlwa. Amphendule ke yena athi, Sizukulwanandini singakholwayo, koda kube nini na ndikuni? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum. Bamzisa kuye. Akumbona, wesuka kwaoko umoya, wambetha wee xhwenene; wawa emhlabeni, wamana eqikaqikeka, elephuza amagwebu.
Wabuza kuyise, ukuba kumgama ungakanani na imhlile le nto. Wathi ke yena, Kwaesengumntwana; úmphose futhi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba umtshabalalise; ukuba ùnako ukwenza into, sisize, usikwe yimfesane sithi. Wathi ke uYesu kuye, Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo. Wakhala kwaoko uyise womntwana lowo, wathi eneenyembezi, Ndiyakholwa, Nkosi; síza, ususe ukungakholwa kwam.
Uthe ke uYesu, ebone ukuba isihlwele sibalekela ndaweni-nye, wawukhalimela umoya ongcolileyo, esithi kuwo, Moyandini ungathethiyo usithulu, mna ndiyakuthethela, phuma kuye, ungabi sangena kuye. Wakhala wona, wambetha wee xhwenene kunene, waphuma; waba njengofileyo, bada abaninzi bathi, Ufile. Uthe ke uYesu wambamba ngesandla, wamvusa; wesuka wema.
Eye kungena endlwini, bambuza abafundi bakhe ngasese, besithi, Yayiyini na ukuba singabi nako ukuwukhupha thina? Wathi kubo, Olu lona uhlobo alunako ukuphuma nganto, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.