Ke kaloku, ngaloo mihla, ekubeni zininzi izihlwele, kungekho nanto idliwayo na, uYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo, Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele; ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; ukuba ndithe ndabandulula baya emakhayeni abo bengadlanga, botyhafa endleleni; kuba inxenye yabo ivela kude. Bamphendula abafundi bakhe, besithi, Wokuzuza phi na umntu ukuba nako ukubahluthisa aba ngezonka, entlango apha? Wababuza esithi, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe. Wayalela isihlwele ukuba sihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha izonka zosixhenxe, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, ukuba babeke phambi kwabo; zazibeka phambi kwabantu. Baye beneentlanzana ezimbalwa; akuba esikelele, wathi mazibekwe phambi kwabo nazo. Badla ke bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iingobozi zasixhenxe zamaqhekeza aseleyo. Ke kaloku abo babesidla babemalunga namawaka amane. Wabandulula ke. Wangena kwaoko emkhombeni, nabafundi bakhe, weza emacaleni aseDalmanuta. Baphuma abaFarisi, baqala ukubuzana naye, befuna kuye umqondiso ophuma ezulwini, bemlinga. Encwina kakhulu emoyeni wakhe, wathi, Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Inene, ndithi kuni, Akukho mqondiso uya kunikwa esi sizukulwana. Wabashiya, wabuya wangena emkhombeni, wemka waya ngaphesheya. Ke kaloku abafundi babelibele ukuphatha izonka; kananjalo babengenanto isikhephe emkhombeni ngaphandle kwesonka esinye. Wabayala esithi, Ligqaleni, nililumkele igwele labaFarisi, negwele likaHerode. Baye becamanga bodwa besithi, Kungokuba singenazonka. Ekwazi oko uYesu, wathi kubo, Yini na ukuba nicamange, ngokuba ningenazonka? Anikaqondi na ukuba anikaqondi? Isaqaqadekile na intliziyo yenu? Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? anikhumbuli na? Oko ndaqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi kuye, Balishumi elinababini. Okuya ke ezisixhenxe ndaziqhekezela amawaka amane, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi ke bona, Zisixhenxe. Uthe ke kubo, Phofu yini na ukuba ningaqondi?