Ngaloo mihla, sakuba sikhulu kakhulu isihlwele, singenanto singayidlayo, wababizela kuye abafundi bakhe uYesu, athi kubo, Ndisikwa yimfesane ngenxa yesihlwele; ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; ukuba ndithe ndabandulula baya emakhayeni abo bengadlanga, botyhafa endleleni; kuba inxenye yabo ivela kude.
Bamphendula abafundi bakhe, besithi, Wókuzuza phi na umntu ukuba nako ukubahluthisa aba ngezonka, entlango apha? Wayebabuza esithi, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe. Wasithethela isihlwele ukuba sihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha izonka zosixhenxe, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, ukuze babeke phambi kwabo; babeka ke phambi kwaso isihlwele. Baye beneentlanzana ezimbalwa; akuba esikelele, wathi mazibekwe phambi kwabo nazo. Badla ke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe. Ke kaloku abo babesidla ngathi babemawaka mané; wabandulula.
Wangena kwaoko emkhombeni, nabafundi bakhe, weza emacaleni aseDalmanuta.
Baphuma abaFarisi baqala ukubuzana naye, befuna kuye umqondiso ovela emazulwini, bemlinga. Encwinile kanzulu ngomoya wakhe, athi, Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Inene ndithi kuni, Unakanye ukuba sinikwe umqondiso esi sizukulwana. Wabashiya, wabuya wangena emkhombeni, wemka waya ngaphesheya.
Baye belibele ukuphatha izonka; babengenanto banayo emkhombeni, ngaphandle kwesonka esinye. Wabayala esithi, Ligqaleni, nililumkele, igwele labaFarisi, negwele likaHerode. Baye becamanga besitshono ukuthi, Kungokuba singenazonka.
Ekwazi oko uYesu, athi kubo, Yini na ukuba nicamange, ngokuba ningenazonka? Anikaqiqi na, anikaqondi na? Isaqaqadekile na intliziyo yenu? Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? Anikhumbuli na? Okuyá ndaqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu, zaye zingaphi na izitya ezizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi kuye, Zazilishumi elinazibini. Okuyá ke ezisixhenxe ndaziqhekezela amawaka amané, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi ke, Zazisixhenxe. Wayesithi kubo, Phofu yini na ukuba ningaqondi?