Ngaloo mihla, xa kwakuhlanganisene isihlwele kwakhona, singenanto sinokuyitya, uYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo: “Ndiyavelana nesi sihlwele, kuba sekuziintsuku ezintathu aba bantu bekunye nam. Ke abasenanto ityiwayo. Ukuba ndiyabandulula bagoduke bengatyanga, bophelelwa endleleni, kuba inxenye yabo ivela kude.”
Bamphendula abafundi bakhe besithi: “Kungafumaneka phi apha entlango ukutya okunokubanela aba bantu?”
Wababuza ke esithi: “Zingaphi izonka eninazo?”
Bathi ke bona: “Zisixhenxe.”
UYesu ke wasiyalela ukuba sihlale phantsi isihlwele; wazithatha ezo zonka zisixhenxe, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe ukuba bazabele isihlwele. Benjenjalo ke. Babenazo neentlanzana ezimbalwa. Akuba uYesu ebulele kuThixo, wathi mazabelwe isihlwele nazo. Batya ke, bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskiti ezisixhenxe zizele yintsalela. UYesu wasindulula ke eso sihlwele esasikumawaka amane abantu; waza kwangoko wakhwela esikhitshaneni kunye nabafundi bakhe, waya kummandla waseDalmanuta.
Bafika ke *abaFarasi, baza bamgocagoca ngemibuzo uYesu, befuna umqondiso ovela ezulwini, bemlinga. Watsho ngesingqala esibuhlungu, wathi kubo: “Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Ndithi kuni, inene, soze siwunikwe umqondiso onjalo esi sizukulwana!”
Wabashiya, waphinda wakhwela esikhitshaneni, wemka waya ngaphesheya koLwandle lwaseGalili.
Abafundi babelibele ukuphatha izonka, benesonka esinye kuphela esikhitshaneni. Wabayala uYesu esithi: “Ligqaleni nililumkele igwele labaFarasi negwele likaHerode.”
Bona ke babesithi omnye komnye: “Útsho ngokuba singenazonka.”
UYesu, ekwazi oko bakuthethayo, wathi kubo: “Yini na ukuba nithethe ngokungabi nazonka? Anikaqiqi na; aniqondi na? Ngaba iqaqadekile na intliziyo yenu? Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? Anikhumbuli na ukuba zazingaphi iingobozi ezizele ngamasalela okuyá ndandiqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu?”
Bathi kuye: “Zazilishumi elinambini.”
Kwakhona wathi: “Okuyá ke izonka ezisixhenxe ndandiziqhekezela amawaka amane, zazingaphi na iibhaskiti ezazizele yintsalela?”
Bathi ke: “Zazisixhenxe.”
Wathi ke kubo: “Phofu yini na ke ukuba ningaqondi?”