UMARKO 8:1-21
UMARKO 8:1-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngaloo mihla, xa kwakuhlanganisene isihlwele kwakhona, singenanto sinokuyitya, uYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo: “Ndiyavelana nesi sihlwele, kuba sekuziintsuku ezintathu aba bantu bekunye nam. Ke abasenanto ityiwayo. Ukuba ndiyabandulula bagoduke bengatyanga, bophelelwa endleleni, kuba inxenye yabo ivela kude.” Bamphendula abafundi bakhe besithi: “Kungafumaneka phi apha entlango ukutya okunokubanela aba bantu?” Wababuza ke esithi: “Zingaphi izonka eninazo?” Bathi ke bona: “Zisixhenxe.” UYesu ke wasiyalela ukuba sihlale phantsi isihlwele; wazithatha ezo zonka zisixhenxe, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe ukuba bazabele isihlwele. Benjenjalo ke. Babenazo neentlanzana ezimbalwa. Akuba uYesu ebulele kuThixo, wathi mazabelwe isihlwele nazo. Batya ke, bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskiti ezisixhenxe zizele yintsalela. UYesu wasindulula ke eso sihlwele esasikumawaka amane abantu; waza kwangoko wakhwela esikhitshaneni kunye nabafundi bakhe, waya kummandla waseDalmanuta. Bafika ke *abaFarasi, baza bamgocagoca ngemibuzo uYesu, befuna umqondiso ovela ezulwini, bemlinga. Watsho ngesingqala esibuhlungu, wathi kubo: “Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Ndithi kuni, inene, soze siwunikwe umqondiso onjalo esi sizukulwana!” Wabashiya, waphinda wakhwela esikhitshaneni, wemka waya ngaphesheya koLwandle lwaseGalili. Abafundi babelibele ukuphatha izonka, benesonka esinye kuphela esikhitshaneni. Wabayala uYesu esithi: “Ligqaleni nililumkele igwele labaFarasi negwele likaHerode.” Bona ke babesithi omnye komnye: “Útsho ngokuba singenazonka.” UYesu, ekwazi oko bakuthethayo, wathi kubo: “Yini na ukuba nithethe ngokungabi nazonka? Anikaqiqi na; aniqondi na? Ngaba iqaqadekile na intliziyo yenu? Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? Anikhumbuli na ukuba zazingaphi iingobozi ezizele ngamasalela okuyá ndandiqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu?” Bathi kuye: “Zazilishumi elinambini.” Kwakhona wathi: “Okuyá ke izonka ezisixhenxe ndandiziqhekezela amawaka amane, zazingaphi na iibhaskiti ezazizele yintsalela?” Bathi ke: “Zazisixhenxe.” Wathi ke kubo: “Phofu yini na ke ukuba ningaqondi?”
UMARKO 8:1-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngaloo mihla, sakuba sikhulu kakhulu isihlwele, singenanto singayidlayo, wababizela kuye abafundi bakhe uYesu, athi kubo, Ndisikwa yimfesane ngenxa yesihlwele; ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; ukuba ndithe ndabandulula baya emakhayeni abo bengadlanga, botyhafa endleleni; kuba inxenye yabo ivela kude. Bamphendula abafundi bakhe, besithi, Wókuzuza phi na umntu ukuba nako ukubahluthisa aba ngezonka, entlango apha? Wayebabuza esithi, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe. Wasithethela isihlwele ukuba sihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha izonka zosixhenxe, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, ukuze babeke phambi kwabo; babeka ke phambi kwaso isihlwele. Baye beneentlanzana ezimbalwa; akuba esikelele, wathi mazibekwe phambi kwabo nazo. Badla ke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe. Ke kaloku abo babesidla ngathi babemawaka mané; wabandulula. Wangena kwaoko emkhombeni, nabafundi bakhe, weza emacaleni aseDalmanuta. Baphuma abaFarisi baqala ukubuzana naye, befuna kuye umqondiso ovela emazulwini, bemlinga. Encwinile kanzulu ngomoya wakhe, athi, Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Inene ndithi kuni, Unakanye ukuba sinikwe umqondiso esi sizukulwana. Wabashiya, wabuya wangena emkhombeni, wemka waya ngaphesheya. Baye belibele ukuphatha izonka; babengenanto banayo emkhombeni, ngaphandle kwesonka esinye. Wabayala esithi, Ligqaleni, nililumkele, igwele labaFarisi, negwele likaHerode. Baye becamanga besitshono ukuthi, Kungokuba singenazonka. Ekwazi oko uYesu, athi kubo, Yini na ukuba nicamange, ngokuba ningenazonka? Anikaqiqi na, anikaqondi na? Isaqaqadekile na intliziyo yenu? Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? Anikhumbuli na? Okuyá ndaqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu, zaye zingaphi na izitya ezizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi kuye, Zazilishumi elinazibini. Okuyá ke ezisixhenxe ndaziqhekezela amawaka amané, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi ke, Zazisixhenxe. Wayesithi kubo, Phofu yini na ukuba ningaqondi?
UMARKO 8:1-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, ngaloo mihla, ekubeni zininzi izihlwele, kungekho nanto idliwayo na, uYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo, Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele; ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; ukuba ndithe ndabandulula baya emakhayeni abo bengadlanga, botyhafa endleleni; kuba inxenye yabo ivela kude. Bamphendula abafundi bakhe, besithi, Wokuzuza phi na umntu ukuba nako ukubahluthisa aba ngezonka, entlango apha? Wababuza esithi, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe. Wayalela isihlwele ukuba sihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha izonka zosixhenxe, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, ukuba babeke phambi kwabo; zazibeka phambi kwabantu. Baye beneentlanzana ezimbalwa; akuba esikelele, wathi mazibekwe phambi kwabo nazo. Badla ke bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iingobozi zasixhenxe zamaqhekeza aseleyo. Ke kaloku abo babesidla babemalunga namawaka amane. Wabandulula ke. Wangena kwaoko emkhombeni, nabafundi bakhe, weza emacaleni aseDalmanuta. Baphuma abaFarisi, baqala ukubuzana naye, befuna kuye umqondiso ophuma ezulwini, bemlinga. Encwina kakhulu emoyeni wakhe, wathi, Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Inene, ndithi kuni, Akukho mqondiso uya kunikwa esi sizukulwana. Wabashiya, wabuya wangena emkhombeni, wemka waya ngaphesheya. Ke kaloku abafundi babelibele ukuphatha izonka; kananjalo babengenanto isikhephe emkhombeni ngaphandle kwesonka esinye. Wabayala esithi, Ligqaleni, nililumkele igwele labaFarisi, negwele likaHerode. Baye becamanga bodwa besithi, Kungokuba singenazonka. Ekwazi oko uYesu, wathi kubo, Yini na ukuba nicamange, ngokuba ningenazonka? Anikaqondi na ukuba anikaqondi? Isaqaqadekile na intliziyo yenu? Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? anikhumbuli na? Oko ndaqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi kuye, Balishumi elinababini. Okuya ke ezisixhenxe ndaziqhekezela amawaka amane, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi ke bona, Zisixhenxe. Uthe ke kubo, Phofu yini na ukuba ningaqondi?
UMARKO 8:1-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NGALEYOMIHLA, isihlwele sisikulu kakulu nje, bengenanto yokutya kanjako, wababiza u‐Yesu abadisipile bake, wati kubo: Ndibetwa lusizi pezu kwesihlwele, ukuba kuse kuntsuku ntatu behlala nam, bengenanto yokutya: kanjalo xeshekweni ndibandulula bengatyanga ukuya ezindlwini zabo, baya kucubuka endleleni; ngokuba bevele kude inxenye yabo. Baza bapendula kuye abadisipile bake, besiti: Umntu apa angahlutisa aba ngezonka ezivela pina besentlango? Wayebuza kubo, esiti: Izonka eninazo zingapina? Bati ke: Zisixe̔nxe. Waza wayalela isihlwele ukuba sihlale pantsi emhlabeni. Waza watabata izonka zozixe̔nxe, wabulela, waqezula, wanikela kubadisipile bake, ukuze babeke pambi kwabo: baza babeka pambi kwesihlwele. Babenayo nento encinane yentlanzana: waza wabulela, waxela ukuba bazibeke pambi kwabo nazo. Batya ke, bahluta: kanjalo kwasuswa amaqezu aseleyo, ingobozi zazisixe̔nxe. Kekaloku abo babetyile, ngati bebengamawaka mane: waza wabandulula. Wati kekaloku kwa oko wangena enqanaweni kunye nabadisipile bake, weza ezahlulweni zase‐Dalamanuta. Baza bapuma abafarisi, baqala ukubuzisana naye, befuna kuye umqondiso uvela ezulwini, bemlinga. Waza wagula kakulu emoyeni wake, wati: Yinina ukuba esisizukulwana sifune umqondiso? ngokwenene nditi kuni: Akuyi kunikwa kwesisizukulwana umqondiso. Wasuka wabashiya, wabuya wangena enqanaweni, wemkela ecaleni elingapesheya. Kekaloku bebelibele ukutabata nabo izonka, benesonka sasinye sinabo enqanaweni kwapela. Waza wabayala, esiti: Lumkani, lumkelani igwele labafarisi negwele lika‐Herodi. Baza babuzana omnye nomnye, besiti: Utsho, ngokuba singenazo izonka. Wayekwazi oku u‐Yesu wati kubo: Yinina ukuba nibuzane, ngokuba ningenazo izonka? Anikaqondi na? aniqiqi na kanjalo? ninentliziyo yenu iselukuni na? ninawo amehlo nje, aniboni na? ninazo nendlebe nje, aniva na? aninako nokukumbula na? Okuya ndandiqezula izonka zozihlanu pakati kwamawaka amahlanu, nasusa zazingapina izitya zizele ngamaqezu? Bati kuye: Zalishumi linesibini. Nokuya ndandiqezula zozixe̔nxe pakati kwamawaka amane, nasusa zazingapina ingobozi zizele ngamaqezu? Baye besiti: Zasixe̔nxe. Waza wati kubo: Yinina lento ningaqiqi?