Ivangeli ka‐Maraki 8:1-21

Ivangeli ka‐Maraki 8:1-21 XHO1902A

NGALEYOMIHLA, isihlwele sisikulu kakulu nje, bengenanto yokutya kanjako, wababiza u‐Yesu abadisipile bake, wati kubo: Ndibetwa lusizi pezu kwesihlwele, ukuba kuse kuntsuku ntatu behlala nam, bengenanto yokutya: kanjalo xeshekweni ndibandulula bengatyanga ukuya ezindlwini zabo, baya kucubuka endleleni; ngokuba bevele kude inxenye yabo. Baza bapendula kuye abadisipile bake, besiti: Umntu apa angahlutisa aba ngezonka ezivela pina besentlango? Wayebuza kubo, esiti: Izonka eninazo zingapina? Bati ke: Zisixe̔nxe. Waza wayalela isihlwele ukuba sihlale pantsi emhlabeni. Waza watabata izonka zozixe̔nxe, wabulela, waqezula, wanikela kubadisipile bake, ukuze babeke pambi kwabo: baza babeka pambi kwesihlwele. Babenayo nento encinane yentlanzana: waza wabulela, waxela ukuba bazibeke pambi kwabo nazo. Batya ke, bahluta: kanjalo kwasuswa amaqezu aseleyo, ingobozi zazisixe̔nxe. Kekaloku abo babetyile, ngati bebengamawaka mane: waza wabandulula. Wati kekaloku kwa oko wangena enqanaweni kunye nabadisipile bake, weza ezahlulweni zase‐Dalamanuta. Baza bapuma abafarisi, baqala ukubuzisana naye, befuna kuye umqondiso uvela ezulwini, bemlinga. Waza wagula kakulu emoyeni wake, wati: Yinina ukuba esisizukulwana sifune umqondiso? ngokwenene nditi kuni: Akuyi kunikwa kwesisizukulwana umqondiso. Wasuka wabashiya, wabuya wangena enqanaweni, wemkela ecaleni elingapesheya. Kekaloku bebelibele ukutabata nabo izonka, benesonka sasinye sinabo enqanaweni kwapela. Waza wabayala, esiti: Lumkani, lumkelani igwele labafarisi negwele lika‐Herodi. Baza babuzana omnye nomnye, besiti: Utsho, ngokuba singenazo izonka. Wayekwazi oku u‐Yesu wati kubo: Yinina ukuba nibuzane, ngokuba ningenazo izonka? Anikaqondi na? aniqiqi na kanjalo? ninentliziyo yenu iselukuni na? ninawo amehlo nje, aniboni na? ninazo nendlebe nje, aniva na? aninako nokukumbula na? Okuya ndandiqezula izonka zozihlanu pakati kwamawaka amahlanu, nasusa zazingapina izitya zizele ngamaqezu? Bati kuye: Zalishumi linesibini. Nokuya ndandiqezula zozixe̔nxe pakati kwamawaka amane, nasusa zazingapina ingobozi zizele ngamaqezu? Baye besiti: Zasixe̔nxe. Waza wati kubo: Yinina lento ningaqiqi?