uMateyu 8:18-34

uMateyu 8:18-34 CXB24

Uthe ke uYesu, akubona abantu abaninzi bemphahlile, wathi makumkiwe kuyiwe ngaphesheya. Kweza mbhali uthile, wathi kuye, Mfundisi, ndiya kukulandela apho ungaya khona. Athi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko. Uthe ke omnye wabafundi bakhe kuye, Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala. Wathi ke uYesu kuye, Ndilandele; bayeke abafileyo bangcwabe abafileyo babo. Engenile ke emkhombeni, bamlandela abafundi bakhe. Kwasuka kwabakho uqhwithela olukhulu elwandle, ngokokude umkhombe ugutyungelwe ngamaza; waye ke yena elele ubuthongo. Beza abafundi bakhe bamvusa, besithi, Nkosi, sisindise, siyatshabalala. Athi kubo, Yini na ukuba nibe ngamagwala, bantundini balukholo luncinane? Waza wavuka, wayikhalimela imimoya nolwandle; kwabakho ukuzola okukhulu. Bamangaliswa ke abantu abo, besithi, Ngumntu mni na lo, le nto alulanyelwayo nayimimoya nalulwandle? Kuthe akufika ngaphesheya, ezweni lamaGergasi, kwaqubisana naye abantu ababini abaphethwe ziidemon, bephuma emangcwabeni, belugcalagcala, kwada kwayinkohla ukuba kudlule umntu ngaloo ndlela. Basuka bakhala besithi, Yintoni na enathi nawe, Yesu, Nyana kaThixo? Apha uze kusithuthumbisa na phambi kwelona xesha? Bekukho ke mgama kubo ugxuba olukhulu lweehagu lusidla. Zaye ke iidemon zimbongoza, zisithi, Ukuba uyasikhupha, sivumele siye kungena elugxubeni lweehagu olo. Wathi kuwo, Hambani. Zithe ke zakuphuma, zaya kungena elugxubeni lweehagu; lwasuka lonke ugxuba lweehagu lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zatshabalala emanzini. Bathe ke abo babezalusa basaba, baya ekhaya, babika into yonke, kwanendawo yababephethwe ziidemon. Wasuka wonke umzi waphuma, waya kumkhawulela uYesu; bathi bakumbona, bambongoza ukuba emke emideni yabo.