UMATEYU 8:18-34

UMATEYU 8:18-34 IBHAYIBHILE (XHO96)

UYesu akuyibona indimbane emngqongileyo, wayalela ukuba kuyiwe phesheya koLwandle lwaseGalili. Kweza mchazi-mthetho uthile kuye, wathi: “Mfundisi, ndiya kuba ngumlandeli wakho, ndiye naphi na apho uthe waya khona.” UYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zineendlwane, kodwa yena *uNyana woLuntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.” Omnye umfundi wathi kuYesu: “Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.” UYesu wathi kuye: “Yiba ngumlandeli wam wena, ubayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo.” Kwathi uYesu akukhwela esikhitshaneni, bahamba naye abafundi bakhe. Kwehla isaqhwithi esikhulu elwandle apho, kangangokuba isikhitshana saphantse sagutyungelwa ngamaza. UYesu yena wayelele. Abafundi baya kuye, bamvusa, besithi: “Safa! Nkosi, sisindise!” Wathi kubo: “Kutheni na ukuba noyike kangaka, nina balukholo luncinane?” Waphakama ke, wawukhalimela umoya namaza, kwabakho ukuzola okukhulu. Bamangaliswa abantu, baza bathi: “He bethu, ngumntu onjani lo ode alulanyelwe ngumoya nalulwandle!” UYesu wafika kummandla waseGadara ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, wadibana namadoda amabini awayevela emangcwabeni. Ayeneendimoni, ekhohlakele kangangokuba kwakungekho mntu wayenokuhamba ngaloo ndlela. Asuka akhala esithi: “Ufuna ntoni kuthi, Nyana kaThixo? Ngaba uze kusivisa iintlungu na, kungekabi lilo ixesha lazo?” Mgama kwakukho umhlambi omkhulu weehagu edlelweni. Iindimoni zambongoza uYesu zisithi: “Ukuba uyasikhupha, sithumele kulaa mhlambi weehagu.” Wathi kuzo: “Yiyani.” Zaphuma ke, zaya kungena ezihagwini. Wasuka umhlambi lowo wonke waphaphatheka, wehla ethambekeni, weyela elwandle, warhaxwa ngamanzi. Abalusi bezi hagu babaleka, bemka baya edolophini, bakuxela konke okwenzekileyo, bekubalisa nokwenzeke kwababephethwe ziindimoni. Yaphuma ke yonke loo dolophu ukuba ibonane noYesu. Bakudibana naye bambongoza okokuba aphume emideni yabo.

UMATEYU 8:18-34 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Uthe ke uYesu, akubona abantu abaninzi bemphahlile, wathi makumkiwe kuyiwe ngaphesheya. Kweza mbhali uthile, wathi kuye, Mfundisi, ndiya kukulandela apho ungaya khona. Athi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; yena uNyana woMntu akanandawo apho angalalisa khona intloko. Uthe ke omnye wabafundi bakhe kuye, Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala. Wathi ke uYesu kuye, Landela mna, ubayeke abafileyo bangcwabe abafileyo babo. Engenile ke emkhombeni, bamlandela abafundi bakhe. Kwasuka kwabakho uqhwithela olukhulu elwandle, ngokokude umkhombe ugutyungelwe ngamaza; waye ke yena elele ubuthongo. Beza abafundi bakhe bamvusa, besithi, Nkosi, sisindise, satshabalala! Athi kubo, Yini na ukuba nibe ngamagwala, bantundini balukholo luncinane? Waza wavuka, wayikhalimela imimoya nolwandle; kwabakho ukuzola okukhulu. Bamangaliswa ke abantu abo, besithi, Ngumntu mni na lo, le nto alulanyelwayo nayimimoya nalulwandle? Kuthe akufika ngaphesheya, ezweni lamaGergasi, kwaqubisana naye abantu ababini abaphethwe ziidemon, bephuma emangcwabeni, belugcalagcala, kwada kwayinkohla ukuba kudlule umntu ngaloo ndlela. Basuka bakhala besithi, Yintoni na enathi nawe, Yesu, Nyana kaThixo? Apha uzé kusithuhumbisa na phambi kwelona xesha? Bekukho ke mgama kubo ugxuba olukhulu lweehagu lusidla. Zaye ke iidemon zimbongoza, zisithi, Ukuba uyasikhupha, sivumele siye kungena elugxubeni lweehagu oluya. Wathi kuzo, Yiyani. Zaphuma ke, zaya kungena elugxubeni lweehagu; lwasuka lonke ugxuba lweehagu lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwéla elwandle; zatshabalala emanzini. Bathe ke abo babezalúsa basaba, baya ekhaya, babika into yonke, kwanendawo yababephethwe ziidemon. Wasuka wonke umzi waphuma, waya kumhlangabeza uYesu; bathi bakumbona, bambongoza ukuba agqithe kuloo mida yabo.

UMATEYU 8:18-34 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Uthe ke uYesu, akubona abantu abaninzi bemphahlile, wathi makumkiwe kuyiwe ngaphesheya. Kweza mbhali uthile, wathi kuye, Mfundisi, ndiya kukulandela apho ungaya khona. Athi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko. Uthe ke omnye wabafundi bakhe kuye, Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala. Wathi ke uYesu kuye, Ndilandele; bayeke abafileyo bangcwabe abafileyo babo. Engenile ke emkhombeni, bamlandela abafundi bakhe. Kwasuka kwabakho uqhwithela olukhulu elwandle, ngokokude umkhombe ugutyungelwe ngamaza; waye ke yena elele ubuthongo. Beza abafundi bakhe bamvusa, besithi, Nkosi, sisindise, siyatshabalala. Athi kubo, Yini na ukuba nibe ngamagwala, bantundini balukholo luncinane? Waza wavuka, wayikhalimela imimoya nolwandle; kwabakho ukuzola okukhulu. Bamangaliswa ke abantu abo, besithi, Ngumntu mni na lo, le nto alulanyelwayo nayimimoya nalulwandle? Kuthe akufika ngaphesheya, ezweni lamaGergasi, kwaqubisana naye abantu ababini abaphethwe ziidemon, bephuma emangcwabeni, belugcalagcala, kwada kwayinkohla ukuba kudlule umntu ngaloo ndlela. Basuka bakhala besithi, Yintoni na enathi nawe, Yesu, Nyana kaThixo? Apha uze kusithuthumbisa na phambi kwelona xesha? Bekukho ke mgama kubo ugxuba olukhulu lweehagu lusidla. Zaye ke iidemon zimbongoza, zisithi, Ukuba uyasikhupha, sivumele siye kungena elugxubeni lweehagu olo. Wathi kuwo, Hambani. Zithe ke zakuphuma, zaya kungena elugxubeni lweehagu; lwasuka lonke ugxuba lweehagu lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zatshabalala emanzini. Bathe ke abo babezalusa basaba, baya ekhaya, babika into yonke, kwanendawo yababephethwe ziidemon. Wasuka wonke umzi waphuma, waya kumkhawulela uYesu; bathi bakumbona, bambongoza ukuba emke emideni yabo.

UMATEYU 8:18-34 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Kekaloku akubona u‐Yesu izihlwele ezininzi zimpahla, waxela ukuba kumkiwe kuyiwe ecaleni elingapesheya. Waza umba̔li otile weza wati kuye: Mfundisi! ndokulandela, apo usukuba uhambela kona. Wayesiti u‐Yesu kuye: Impungutye zineminxuma, nentaka zezulu zinendawo zokuhlala; kanti unyana wesintu akanandawo apo angalalisa kona intloko. Kanjalo omnye wabadisipile bake wati kuye: Nkosi! ndivumele nditi tanci ndihambe ndiye kuncw̔aba ubawo. Kodwa u‐Yesu wati kuye: Ndilandele, uze uyekele abafileyo ukuncw̔aba abafileyo bakowabo. Kwati akungena enqanaweni, bamlandela abadisipile bake. Kekaloku bona ke, uqwitela olukulu lwesuka elwandle, yada inqanawa yafun’ ukuselelwa ngamaza; kodwa yena ebelele. Baza abadisipile bake beza bamvusa, besiti: Nkosi, sisindise, siyabuba! Wayesiti kubo: Yinina ukuba ninobugwala, nina balukolo luncinane? Wandula wavuka wakalimela imimoya nolwandle, kwaza kwabako ukuzola okukulu. Bati nqa ke abantu abo, besiti: ngumntu ote nina lo, lento aviwa nayimimoya nalulwandle! Kwati akufika ecaleni elingapesheya, ezweni lama‐Giregashe, kwamkaulela abangenelwa zidemoni ababini bepuma emancw̔abeni, benobuṙalaṙume kunene, kwada akwabiko mntu ongadlulayo ngaleyo indlela. Kekaloku bona ke, badanduluka, besiti: Siyinto nina kuwe, Yesu, Nyana KATIXO? uze apa ukuza kusimbela ixesha lingekabiko na? Kwabekuko ukude nabo umhlambi wehangu ezininzi usidla. Zaza idemoni zambongoza, zisiti: Ukuba uyasiku̔pa, sivumele siye singene emhlambini wehangu. Wayesiti kuzo: Hambani. Zapuma ke, zaya zangena emhlambini wehangu; kekaloku bona ke, wonke umhlambi wehangu wagalelekela ngeliwa apo elwandle, zabubela emanzini. Baza abo babesalusa babaleka, baya esixekweni, bashumayela konke, nendawo zabangenelwa zidemoni. Sati, bona ke, sonke isixeko sapuma ukuya kumhlangabeza u‐Yesu: bati bakumbona, babongoza ukuba makesuke emideni yabo.