uMateyu uMateyu 8

uMateyu 8
1Ke kaloku, akuhla entabeni apho, walandelwa ngabantu abaninzi. 2Nanko kusiza oneqhenqa, waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula. 3Wasolula isandla uYesu, wamchukumisa, esithi, Ndiyathanda; Hlambuluka. Lahlambuluka kwaoko iqhenqa lakhe. 4Athi uYesu kuye, Lumka ungaxeleli bani; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze umnikelo awamisa wona uMoses, ube bubungqina kubo. 5Ke kaloku, akubon’ ukuba uYesu ungene eKapernahum, kweza kuye umthetheli-khulu, embongoza, esithi, 6esithi, Nkosi, isicaka sam silele ekhaya, sinedumbe, sithuthunjelwa ngokunzulu. 7Athi uYesu kuye, Ndoza ndisiphilise mna. 8Waphendula umthetheli-khulu, wathi, Nkosi, andikulingene ukuba ude ungene phantsi kophahla lwam; thetha ilizwi lodwa, sophiliswa isicaka sam. 9Kuba nam ndingumntu ophantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati phantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; ndithi kweliya, Yiza, lize; nakumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze. 10Evile ke uYesu wamangaliswa, wathi kwabamlandelayo, Inene ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli. 11Ndithi ke kuni, baninzi abaya kuza bevela empumalanga nasentshonalanga, bangqengqe ndawonye noAbraham noIsake noYakobi ebukumkanini bamazulu. 12Kodwa bona abantwana bobukumkani baya kukhutshelwa emnyameni ongaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. 13Wathi uYesu kumthetheli-khulu, Hamba; makwenzeke kuwe njengoko ukholiwe. Saphiliswa kwangelo lixa isicaka sakhe. 14Efikile uYesu kwaPetros, wabona umkhwekazi wakhe elele, egula ngumkhuhlane. 15Wachukumisa isandla sakhe, yamyeka icesina, wavuka, wabalungiselela. 16Kuthe ke kwakuhlwa, kwaziswa kuye into eninzi yabaphethwe ziidemon; wabakhupha oomoya abo ngelizwi, wabaphilisa bonke ababesifa; 17ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi, Yena ngokwakhe wabuthabatha ubulwelwe bethu, wazithwala izifo zethu. 18Uthe ke uYesu, akubona abantu abaninzi bemphahlile, wathi makumkiwe kuyiwe ngaphesheya. 19Kweza mbhali uthile, wathi kuye, Mfundisi, ndiya kukulandela apho ungaya khona. 20Athi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko. 21Uthe ke omnye wabafundi bakhe kuye, Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala. 22Wathi ke uYesu kuye, Ndilandele; bayeke abafileyo bangcwabe abafileyo babo. 23Engenile ke emkhombeni, bamlandela abafundi bakhe. 24Kwasuka kwabakho uqhwithela olukhulu elwandle, ngokokude umkhombe ugutyungelwe ngamaza; waye ke yena elele ubuthongo. 25Beza abafundi bakhe bamvusa, besithi, Nkosi, sisindise, siyatshabalala. 26Athi kubo, Yini na ukuba nibe ngamagwala, bantundini balukholo luncinane? Waza wavuka, wayikhalimela imimoya nolwandle; kwabakho ukuzola okukhulu. 27Bamangaliswa ke abantu abo, besithi, Ngumntu mni na lo, le nto alulanyelwayo nayimimoya nalulwandle? 28Kuthe akufika ngaphesheya, ezweni lamaGergasi, kwaqubisana naye abantu ababini abaphethwe ziidemon, bephuma emangcwabeni, belugcalagcala, kwada kwayinkohla ukuba kudlule umntu ngaloo ndlela. 29Basuka bakhala besithi, Yintoni na enathi nawe, Yesu, Nyana kaThixo? Apha uze kusithuthumbisa na phambi kwelona xesha? 30Bekukho ke mgama kubo ugxuba olukhulu lweehagu lusidla. 31Zaye ke iidemon zimbongoza, zisithi, Ukuba uyasikhupha, sivumele siye kungena elugxubeni lweehagu olo. 32Wathi kuwo, Hambani. Zithe ke zakuphuma, zaya kungena elugxubeni lweehagu; lwasuka lonke ugxuba lweehagu lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zatshabalala emanzini. 33Bathe ke abo babezalusa basaba, baya ekhaya, babika into yonke, kwanendawo yababephethwe ziidemon. 34Wasuka wonke umzi waphuma, waya kumkhawulela uYesu; bathi bakumbona, bambongoza ukuba emke emideni yabo.

Currently Selected:

uMateyu uMateyu 8: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena