Ivangeli ka‐Mateyu 8
8
1KEKALOKU akuhla entabeni, zamlandela izihlwele ezininzi.
2Kwaza kwati, bona ke, ileperi leza lambedesha, lisiti: Nkosi! ukuba uyatanda, ungandihlambulula. 3Waza u‐Yesu wasolula isandla, walicu̔kumisa, esiti: Ndiyatanda; hlambuluka. Sasesihlanjululwa kwa oko isilepero salo. 4Wayesiti u‐Yesu kulo: Lumka ungaxeleli mntu; kodwa hamba, zibonakalise kumperisite, unikele umnikelo wabeyalela wona u‐Mosesi, ube sisinqi̔no kubo.
5Kekaloku akuba u‐Yesu engene e‐Kapenayume, kweza kuye inkosikulu imbongoza, 6isiti nokuti: Nkosi! isicaka sam silele ngendlu sinesifo sokushwabanisa, sibulawa kakulu. 7Wayesiti u‐Yesu kuyo: Ndiya kuza ndisipilise. 8Yaza yapendula inkosikulu yati: Nkosi! andifanelekile ukuba ungene ngapantsi kwentungo yendlu yam; teta libe lilizwi kodwa, sasiya kuti isicaka sam sipiliswe. 9Ngokuba nam ndingumntu pantsi kwegunya labanye, ndinamasodati pantsi kwam; nditi ke kwelinye: Yiya! liye ke; nakwelinye: Yiza! lize ke; nakwisicaka sam: Yenza oku! senze ke. 10Waza u‐Yesu akuva oku wati nqa, wati kwabalandelayo: Ngokwenene nditi kuni, andifumananga lukolo olungaka nakwa‐Sirayeli. 11Kanjalo nditi kuni: Baninzi abaya kuza bevela empumalanga nasentshonalanga, bahlale pantsi ndawonye no‐Abrahame, no‐Yisake, no‐Yakobi, ebukumkanini bezulu: 12kodwa usapo lwobukumkani luya kulahlelwa ebumnyameni bangapandle; apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo. 13Waza wati u‐Yesu kwinkosikulu: Hamba, makube njalo kuwe njengokukolwa kwako. Sati isicaka sayo sapiliswa kwa ngeloxeshana.
14Kekaloku xeshekweni u‐Yesu ebengene endlwini ka‐Petrosi, wabona umkwekazi wake elele, esifa licesine. 15Waza wacu̔kumisa isandla sake, lamyeka icesine: wesuka ke, wabakonza.
16Kwati kwakuhlwa, kwaziswa kuye abangenelwa zidemoni abaninzi; waza wabaku̔pa omoya ngelizwi, nabo bonke ababesifa wabapilisa: 17ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngu‐Yisaya umprofite, esiti: Yena izilwelwe zetu wazitabata, nezifo zetu wazitwala.
18Kekaloku akubona u‐Yesu izihlwele ezininzi zimpahla, waxela ukuba kumkiwe kuyiwe ecaleni elingapesheya.
19Waza umba̔li otile weza wati kuye: Mfundisi! ndokulandela, apo usukuba uhambela kona. 20Wayesiti u‐Yesu kuye: Impungutye zineminxuma, nentaka zezulu zinendawo zokuhlala; kanti unyana wesintu akanandawo apo angalalisa kona intloko.
21Kanjalo omnye wabadisipile bake wati kuye: Nkosi! ndivumele nditi tanci ndihambe ndiye kuncw̔aba ubawo. 22Kodwa u‐Yesu wati kuye: Ndilandele, uze uyekele abafileyo ukuncw̔aba abafileyo bakowabo.
23Kwati akungena enqanaweni, bamlandela abadisipile bake. 24Kekaloku bona ke, uqwitela olukulu lwesuka elwandle, yada inqanawa yafun’ ukuselelwa ngamaza; kodwa yena ebelele. 25Baza abadisipile bake beza bamvusa, besiti: Nkosi, sisindise, siyabuba! 26Wayesiti kubo: Yinina ukuba ninobugwala, nina balukolo luncinane? Wandula wavuka wakalimela imimoya nolwandle, kwaza kwabako ukuzola okukulu. 27Bati nqa ke abantu abo, besiti: ngumntu ote nina lo, lento aviwa nayimimoya nalulwandle!
28Kwati akufika ecaleni elingapesheya, ezweni lama‐Giregashe, kwamkaulela abangenelwa zidemoni ababini bepuma emancw̔abeni, benobuṙalaṙume kunene, kwada akwabiko mntu ongadlulayo ngaleyo indlela. 29Kekaloku bona ke, badanduluka, besiti: Siyinto nina kuwe, Yesu, Nyana katixo? uze apa ukuza kusimbela ixesha lingekabiko na? 30Kwabekuko ukude nabo umhlambi wehangu ezininzi usidla. 31Zaza idemoni zambongoza, zisiti: Ukuba uyasiku̔pa, sivumele siye singene emhlambini wehangu. 32Wayesiti kuzo: Hambani. Zapuma ke, zaya zangena emhlambini wehangu; kekaloku bona ke, wonke umhlambi wehangu wagalelekela ngeliwa apo elwandle, zabubela emanzini. 33Baza abo babesalusa babaleka, baya esixekweni, bashumayela konke, nendawo zabangenelwa zidemoni. 34Sati, bona ke, sonke isixeko sapuma ukuya kumhlangabeza u‐Yesu: bati bakumbona, babongoza ukuba makesuke emideni yabo.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Mateyu 8: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.