Ivangeli ka‐Mateyu 7
7
1NINGABEKI tyala, ukuze ningabekelwa tyala nani: 2ngokuba ukubekwa kwetyala enibeka ngako, niya kubekelwa kona; nokulinganisa enilinganisa ngako, kwobuya kulinganiselwe nina. 3Kuyinina ukuba ukangela icetyana elisesweni lomzalwana wako, kodwa umqadi osesweni lako akuwunakani? 4Woti nina nokuti kumzalwana wako: Vuma ndiliku̔pe icetyana esweni lako; kanti nangu umqadi kwelako iliso? 5Sihanahanisindini! wuku̔pe kuqala umqadi esweni lako, wauya kwandula ukolise ukubona ukuliku̔pa icetyana esweni lomzalwana wako.
6Ninganiki okungcwele ezinjeni; kanjako ningaposi iperule zenu pambi kwehangu, hleze zizinyatele ngamanqina azo, zijike ziniqwenge.
7Celani, naniya kupiwa; funani, naniya kufumana: qongqotani, naniya kuvulelwa. 8Ngokuba bonke abacelayo besamkela, nofunayo uyafumana, noqongqotayo uya kuvulelwa. 9Nguwupina ke kuni engumntu oya kuti, ukuba unyana wake uyacela isonka, amnikele ilitye? 10ati, ukuba uyacela intlanzi, amnikele inyoka? 11Ngako ukuba nina, nikohlakele nje, niyazi ukupa abantwana benu izipo ezilungileyo, kwoba kangakananina ngakumbi aya kuti uyihlo osezulwini ape abo bacelayo kuye into ezilungileyo?
12Ngako zonke izinto enitanda ukuba abantu bazenze kuni, yenzani nani ngokunjalo kubo; ngokuba oku kungumteto nabaprofite.
13Ngenani ngesango elixineneyo; ngokuba libanzi isango, inkulu nendlela esinga entshabalalweni, bebaninzi nabo abangenayo ngalo: 14ngokuba lixinene isango, icutekile nendlela esinga ebomini, bebancinane nabo abayifumanayo.
15Lumkelani ke abaprofite ababuxoki, abezayo kuni ngezivato zegusha, kanti ngapakati bazincu̔ka ezixwilayo. 16Niya kubazi ngezixakato zabo. Kuka kukiwe idreyive emitolweni na? umhlaumbi amakiwane ezipingweni na? 17Kwa njalo yonke imiti elungileyo iyahlanza izixakato ezilungileyo; kodwa umti obolileyo uyahlanza izixakato ezikohlakeleyo. 18Umti olungileyo awungehlanze izixakato ezikohlakeleyo; kanjalo umti obolileyo awungehlanze izixakato ezilungileyo. 19Yonke imiti engahlanziyo izixakato ezilungileyo iyagaulwa, iposwe emlilweni. 20Ngoko ke niya kubazi ngezixakato zabo.
21Asi ngabo bonke abati kum: Nkosi, Nkosi! abaya kungena ebukumkanini bezulu; koko ngowenzayo intando kabawo osezulwini. 22Baninzi abaya kuti kum ngalomini: Nkosi, Nkosi! asati na ngegama lako saprofitesha, nangegama lako saziku̔pa idemoni, nangegama lako senza izenzo zamandla ezininzi? 23ndandiya kwandula ndixele kubo ukuti: Andizanga ndinazi; mukani kum, nina bakwenzayo okungalungileyo!
24Ngako lowo usukuba eweva lamazwi am, awenze, ndomfanekisa nomntu olumkileyo, owakayo indlu yake elulwalweni: 25yaza yehla imvula, yeza nemisinga, yaquta nemimoya, yayiwela leyondlu; ayawa noko; ngokuba ibisekelwe elulwalweni. 26Kanjalo osukuba eweva lamazwi am, angawenzi, wofanekiswa nomntu osidenge, owakayo indlu yake entlabatini: 27yaza yehla imvula, yeza nemisinga, yaquta nemimoya, yabeta kuleyondlu; yawa ke; sati isiwo sayo sasikulu.
28Kwaye kute, okuya abezigqibile u‐Yesu iziteto ezi, izihlwele zibe zimangaliswa pezu kwokufundisa kwake; 29ngokuba ebezifundisa njengonegunya, bekungenjengababa̔li.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Mateyu 7: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.