Ivangeli ka‐Mateyu 8:18-34

Ivangeli ka‐Mateyu 8:18-34 XHO1902A

Kekaloku akubona u‐Yesu izihlwele ezininzi zimpahla, waxela ukuba kumkiwe kuyiwe ecaleni elingapesheya. Waza umba̔li otile weza wati kuye: Mfundisi! ndokulandela, apo usukuba uhambela kona. Wayesiti u‐Yesu kuye: Impungutye zineminxuma, nentaka zezulu zinendawo zokuhlala; kanti unyana wesintu akanandawo apo angalalisa kona intloko. Kanjalo omnye wabadisipile bake wati kuye: Nkosi! ndivumele nditi tanci ndihambe ndiye kuncw̔aba ubawo. Kodwa u‐Yesu wati kuye: Ndilandele, uze uyekele abafileyo ukuncw̔aba abafileyo bakowabo. Kwati akungena enqanaweni, bamlandela abadisipile bake. Kekaloku bona ke, uqwitela olukulu lwesuka elwandle, yada inqanawa yafun’ ukuselelwa ngamaza; kodwa yena ebelele. Baza abadisipile bake beza bamvusa, besiti: Nkosi, sisindise, siyabuba! Wayesiti kubo: Yinina ukuba ninobugwala, nina balukolo luncinane? Wandula wavuka wakalimela imimoya nolwandle, kwaza kwabako ukuzola okukulu. Bati nqa ke abantu abo, besiti: ngumntu ote nina lo, lento aviwa nayimimoya nalulwandle! Kwati akufika ecaleni elingapesheya, ezweni lama‐Giregashe, kwamkaulela abangenelwa zidemoni ababini bepuma emancw̔abeni, benobuṙalaṙume kunene, kwada akwabiko mntu ongadlulayo ngaleyo indlela. Kekaloku bona ke, badanduluka, besiti: Siyinto nina kuwe, Yesu, Nyana KATIXO? uze apa ukuza kusimbela ixesha lingekabiko na? Kwabekuko ukude nabo umhlambi wehangu ezininzi usidla. Zaza idemoni zambongoza, zisiti: Ukuba uyasiku̔pa, sivumele siye singene emhlambini wehangu. Wayesiti kuzo: Hambani. Zapuma ke, zaya zangena emhlambini wehangu; kekaloku bona ke, wonke umhlambi wehangu wagalelekela ngeliwa apo elwandle, zabubela emanzini. Baza abo babesalusa babaleka, baya esixekweni, bashumayela konke, nendawo zabangenelwa zidemoni. Sati, bona ke, sonke isixeko sapuma ukuya kumhlangabeza u‐Yesu: bati bakumbona, babongoza ukuba makesuke emideni yabo.