UYesu akuyibona indimbane emngqongileyo, wayalela ukuba kuyiwe phesheya koLwandle lwaseGalili. Kweza mchazi-mthetho uthile kuye, wathi: “Mfundisi, ndiya kuba ngumlandeli wakho, ndiye naphi na apho uthe waya khona.”
UYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zineendlwane, kodwa yena *uNyana woLuntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.” Omnye umfundi wathi kuYesu: “Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.” UYesu wathi kuye: “Yiba ngumlandeli wam wena, ubayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo.”
Kwathi uYesu akukhwela esikhitshaneni, bahamba naye abafundi bakhe. Kwehla isaqhwithi esikhulu elwandle apho, kangangokuba isikhitshana saphantse sagutyungelwa ngamaza. UYesu yena wayelele. Abafundi baya kuye, bamvusa, besithi: “Safa! Nkosi, sisindise!”
Wathi kubo: “Kutheni na ukuba noyike kangaka, nina balukholo luncinane?” Waphakama ke, wawukhalimela umoya namaza, kwabakho ukuzola okukhulu.
Bamangaliswa abantu, baza bathi: “He bethu, ngumntu onjani lo ode alulanyelwe ngumoya nalulwandle!”
UYesu wafika kummandla waseGadara ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, wadibana namadoda amabini awayevela emangcwabeni. Ayeneendimoni, ekhohlakele kangangokuba kwakungekho mntu wayenokuhamba ngaloo ndlela. Asuka akhala esithi: “Ufuna ntoni kuthi, Nyana kaThixo? Ngaba uze kusivisa iintlungu na, kungekabi lilo ixesha lazo?”
Mgama kwakukho umhlambi omkhulu weehagu edlelweni. Iindimoni zambongoza uYesu zisithi: “Ukuba uyasikhupha, sithumele kulaa mhlambi weehagu.”
Wathi kuzo: “Yiyani.” Zaphuma ke, zaya kungena ezihagwini. Wasuka umhlambi lowo wonke waphaphatheka, wehla ethambekeni, weyela elwandle, warhaxwa ngamanzi.
Abalusi bezi hagu babaleka, bemka baya edolophini, bakuxela konke okwenzekileyo, bekubalisa nokwenzeke kwababephethwe ziindimoni. Yaphuma ke yonke loo dolophu ukuba ibonane noYesu. Bakudibana naye bambongoza okokuba aphume emideni yabo.