KaYohane 1 KaYohane 1 – 5

KaYohane 1 – 5
1Bonke abakholwayo ukuba uYesu unguye uKristu, bazelwe nguThixo; bonke abamthandayo lowo wazalayo, bayamthanda nalowo uzelweyo nguye. 2Sazi ngale nto ukuba siyabathanda abantwana bakaThixo, xa sukuba simthanda uThixo, siyigcina imithetho yakhe. 3Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe; ayinzima ke imithetho yakhe. 4Ngokuba yonke into ezelwe nguThixo iyaleyisa ihlabathi; lulo ke olu uloyiso oluleyisayo ihlabathi, ukholo lwethu. 5Ngubani na lowo uleyisayo ihlabathi, ingenguye okholwayo ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo? 6Lo ngulowo wezayo ngamanzi negazi, uYesu Kristu; kungengamanzi odwa, kungengamanzi negazi. uMoya ke ungqinayo, ngokuba uMoya uyinyaniso. 7Ngokuba bathathu abo bangqinayo emazulwini: uYise, noLizwi, noMoya oyiNgcwele; abo bathathu banye. 8Kaloku kukho amangqina amathathu ehlabathini, uMoya, namanzi, negazi. Aba bathathu bavumelana nto-nye. 9Ukuba ubungqina babantu siyabamkela, ubungqina bukaThixo bungaphezulu; ngokuba bubo obu ubungqina bukaThixo, angqinele uNyana wakhe ngabo. 10Lowo ukholwayo kuNyana kaThixo unabo ubungqina ngaphakathi kwakhe; ngokuba engakholwanga bubungqina abungqinele uThixo ngoNyana wakhe. 11Bubo obu ke ubungqina: ukuba uThixo usinike ubomi obungunaphakade; baye obo bomi bukuye uNyana wakhe. 12Lowo unaye uNyana, unabo ubomi; lowo ungenaye uNyana kaThixo, akanabo ubomi. 13Ndinibhalele ezi zinto, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo; ukuze nazi ukuba ninobomi obungunaphakade, nokuze nikholwe kwigama loNyana kaThixo. 14Kuko oku ukungafihlisi esinako kuye: ukuba sithi sicele into ngokokuthanda kwakhe, uyasiva; 15Ukuba siyazi ukuba uyasiva esisukuba sikucela, siyazi ukuba sinazo izinto ezicelwayo, esizicelileyo kuye. 16Ukuba umntu uthe wambona umzalwana wakhe esona isono esingasingisi kufeni, wocela, uThixo amnike ubomi, enika abo bonayo ngokungasingisi kufeni. Kukho isono esisingisa ekufeni; anditsho ukuba makasithandazele. 17Konke ukungalungisi kusisono; kukho isono esingasingisi kufeni. 18Siyazi ukuba bonke abazelwe nguThixo aboni; kodwa lowo uzelweyo nguThixo uyazigcina, aze ongendawo angamchukumisi. 19Siyazi ukuba singabakaThixo, nokuba ihlabathi liphela lilele kongendawo. 20Siyazi ke ukuba uNyana kaThixo ufikile, wasinika ingqondo, ukuze simazi oyinyaniso. Sikuye ke oyinyaniso, kuye uNyana wakhe uYesu Krestu. Nguye lo uThixo oyinyaniso, nobomi obungunaphakade. 21Bantwanana, zigcineni kuzo izithixo. Amen.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena