KaYohane 2 KaYohane 2 – 1

KaYohane 2 – 1
1Indoda enkulu ibhalela inkosikazi enyuliweyo nabantwana bayo, endibathandayo mna ngenyaniso; ingendim ndedwa, ingabo bonke abayazileyo inyaniso; 2ngenxa yenyaniso ehleliyo kuthi, eya kuba nathi ngonaphakade. 3Makube lubabalo kuni, nenceba, noxolo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu, uNyana kaYise, kuni basenyanisweni naseluthandweni. 4Ndavuya kunene kuba ndifumene kubantwana bakho kukho abahamba enyanisweni, njengoko samkelayo umthetho kuye uBawo. 5Nangoku ndiyakucela, nkosikazi, kungengakuba ndikubhalela umthetho omtsha; ndikubhalela lowo sasinawo kwasekuqalekeni: ukuba sithandane. 6Lulo ke olu uthando, ukuba sihambe ngokwemithetho yakhe. Nguwo lo umthetho, njengokuba nevayo kwasekuqalekeni, ukuba nihambe kuwo. 7Ngokuba kungene abalahlekisi abaninzi ehlabathini, abangamvumiyo uYesu Kristu esiza esenyameni. Lowo ngumkhohlisi nomchasi-Kristu. 8Zilumkeleni, ukuba singalahlekani nezinto esizisebenzileyo; masamkele umvuzo ozalisekileyo. 9Bonke abagqithayo, abangahlaliyo emfundisweni kaKristu, abanaThixo; ohleliyo emfundisweni kaKristu, lowo unaye uYise noNyana. 10Ukuba ubani uthe weza kuni, engazisi yona le mfundiso, musani ukumamkela endlwini yenu, ningambulisi nokumbulisa; 11Kuba lowo umbulisayo unobudlelane naye ngemisebenzi yakhe engendawo. 12Ndinezinto ezininzi nje zokunibhalela, andingi ndinibhalele ngaphepha nangainki; koko ndithembe ukuza kuni, sithethe ngomlomo, ukuze uvuyo lwethu luzaliseke. 13Bakubulisa abantwana bodade wenu onyuliweyo. Amen.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena