Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Filipi 2:6-10

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Filipi 2:6-10 XHO1902A

obete, esebumeni BUKATIXO nje, akaba kuyinto yokubanjwa ukulingana kwake NOTIXO, koko wazincipekisa, watabata ubume besicaka, wenziwa ekufaneni kwabantu; waza efunyenwe enesimilo njengomntu, wazitobisa, waba elulamile kwada kwasekufeni, ewe ekufeni kwekuruse. Ngako oko kanjalo UTIXO wampakamisa kakulu, wampa igama elipezulu kuwo onke amagama; ukuze egameni lika‐Yesu kutobe onke amadolo, awezinto zasezulwini, nawezasemhlabeni, nawezapantsi kwomhlaba