Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KWABASEFILIPI 2:6-10

KWABASEFILIPI 2:6-10 XHO96

Nakuba ubume bakhe babunguThixo ngenkqu, ukulingana noThixo akakubawelanga kangangokude afune ukusunduzana naye. Ndaweni yaloo nto waziqongqotha ubuyena, wathatha isimo sesicaka, waba ngumntu ncakasana. Engumntu ebantwini, wazambesa intobeko, ntobeko leyo yamsa ekufeni – ukufa kwasemnqamlezweni. Kungoko ke athe uThixo wamphakamisa kakhulu, wamthi jize ngelona gama lingaphezu kwawo onke amanye amagama, ukuze bonke abaphilayo, ezulwini, emhlabeni, naphantsi komhlaba, bagobe amadolo benika imbeko kwigama likaYesu