KWABASEFILIPI 2:6-10
KWABASEFILIPI 2:6-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
yena wàthi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana kwakhe oku noThixo kulixhoba; usuke wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu; wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni. Kungoko athe uThixo wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama; ukuze ngegama likaYesu onke amadolo agobe, awabasemazulwini, nawabasemhlabeni, nawabaphantsi komhlaba
KWABASEFILIPI 2:6-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nakuba ubume bakhe babunguThixo ngenkqu, ukulingana noThixo akakubawelanga kangangokude afune ukusunduzana naye. Ndaweni yaloo nto waziqongqotha ubuyena, wathatha isimo sesicaka, waba ngumntu ncakasana. Engumntu ebantwini, wazambesa intobeko, ntobeko leyo yamsa ekufeni – ukufa kwasemnqamlezweni. Kungoko ke athe uThixo wamphakamisa kakhulu, wamthi jize ngelona gama lingaphezu kwawo onke amanye amagama, ukuze bonke abaphilayo, ezulwini, emhlabeni, naphantsi komhlaba, bagobe amadolo benika imbeko kwigama likaYesu
KWABASEFILIPI 2:6-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Owathi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana noThixo akukuphanga; usuke wazenzisa, wathabatha ubume bomkhonzi, wenziwa wafana nabantu; wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni. Kungoko athe uThixo wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama; ukuze ngegama likaYesu onke amadolo agobe, awabasemazulwini, nawabasemhlabeni, nawabaphantsi komhlaba
KWABASEFILIPI 2:6-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
obete, esebumeni BUKATIXO nje, akaba kuyinto yokubanjwa ukulingana kwake NOTIXO, koko wazincipekisa, watabata ubume besicaka, wenziwa ekufaneni kwabantu; waza efunyenwe enesimilo njengomntu, wazitobisa, waba elulamile kwada kwasekufeni, ewe ekufeni kwekuruse. Ngako oko kanjalo UTIXO wampakamisa kakulu, wampa igama elipezulu kuwo onke amagama; ukuze egameni lika‐Yesu kutobe onke amadolo, awezinto zasezulwini, nawezasemhlabeni, nawezapantsi kwomhlaba