yena wàthi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana kwakhe oku noThixo kulixhoba; usuke wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu; wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni. Kungoko athe uThixo wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama; ukuze ngegama likaYesu onke amadolo agobe, awabasemazulwini, nawabasemhlabeni, nawabaphantsi komhlaba
Funda KWABASEFILIPI 2
Share
Compare All Versions: KWABASEFILIPI 2:6-10
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos