Andula amasodati, okuya abemkuruseshile u‐Yesu, atabata izivato zake, enza izahlulo zazine, sibe sisahlulo sinye kumasodati amanye ngamanye, kwa nengubo yake yapantsi: kekaloku ingubo yake yapantsi ibe ingenamtungo, ilukiwe ipela kutabata pezulu. Ati ngoko elinye kwelinye: Masingaṙazuli yona, koko masenze amaqashiso ngayo, okuba yoba yekabanina: ukuze isiba̔lo sizaliseke, esiti: Babelana izivato zam, napezu kwengubo yam benza amaqashiso. Ezizinto ke ngoko amasodati lawo azenza.
Kekaloku kube kumi ngakuyo ikuruse ka‐Yesu unina, nodade wonina, u‐Mariya umfazi ka‐Kelopasi, no‐Mariya wase‐Magadala. Waza u‐Yesu akubona unina, nalomdisipile emi kufupi abemtanda, wati kunina: Mfazi, nanko unyana wako! Wandula wati kulomdisipile: Nanko unyoko! Waza umdisipile lowo emveni kweloxeshana wamtabatela ekayeni lake.
Emveni kwoku, esazi u‐Yesu ukuba zonke izinto zise zigqityiwe, ukuze sifezwe isiba̔lo, wati: Ndiyanxanwa. Kekaloku bekumi kona isitya sizele yiyasine: baza bazalisa ikepekepe ngeyasine, balifaka kwihisope, balisondeza emlonyeni wake. Wandula u‐Yesu akuba eyamkele iyasine leyo, wati: Kugqityiwe! waza watoba intloko, wanikela umpefumlo.
Andula ati ama‐Juda, ngenxa yokuba ibiyimini yokulungiselela, ukuze imizimba ingahlali ekuruseni ngesabata, (ngokuba ubungumhla omkulu owesabata leyo,) amtandaza u‐Pilati ukuba mayapulwe imilenze yabo, baze basuswe. Eza ngoko amasodati, ayapula imilenze yowokuqala, neyomnye obekuruseshwe naye. Kodwa efikile ku‐Yesu, akubona ukuba usel’ efile yena, awayapula imilenze yake; koko elinye lamasodati lahlaba icala lake ngomkonto, kwaza kwasekupuma igazi namanzi. Nalowo obonileyo unqi̔nile, nobunqi̔na bake buyinyaniso: kanjalo uyazi yena ukuba uyateta okuyinene, ukuze nikolwe. Ngokuba zenzekile ezizinto, ukuze isiba̔lo sizaliseke, sokuti: Aliyi kwapulwa nalinye itambo lake. Nakanjako esinye isiba̔lo sitsho ukuti: Baya kukangela lowo bamhlabayo.
Kekaloku emveni kwezizinto, u‐Josefe wase‐Arimateya, engumdisipile ka‐Yesu, enjalo kodwa ngasese ngenxa yokwoyika ama‐Juda, wamtandaza u‐Pilati ukuba makasuse umzimba ka‐Yesu: waza u‐Pilati wamvumela. Weza ngoko, wawususa umzimba ka‐Yesu. Weza kanjalo no‐Nikodemo, lowo wezayo ku‐Yesu ngobusuku ekuqaleni, ezisa impitikezo yemore nekala, zinga iponti zilikulu linye. Bandula bawutabata umzimba ka‐Yesu, bawubopa ngeqiya zokubopa ndawonye nezimnandi ezo, njengokuba ama‐Juda enesiko lokuncw̔aba.
Kekaloku kulondawo apo ebekuruseshelwe kona bekuko umyezo, nakulomyezo incw̔aba elitsha, ekungazanga kubekwe mntu kulo. Kwa lapo ngoko, ngenxa yemini yokulungiselela yama‐Juda, kuba libe likufupi incw̔aba elo, bambeka u‐Yesu.