Ivangeli ka‐Johane 19

19
1Wandula u‐Pilati ngoko wamtabata u‐Yesu, wambeta. 2Aza amasodati aluka isitsaba ngemitolo, asibeka entlokweni yake, amvatisa ingubo ebomvu, 3ati: A, kumkani wama‐Juda! Abemtywakaza ngezandla kanjalo.
4Wandula u‐Pilati wabuya wapuma ngapandle, wati kubo: Kangela, ndiyamzisa kuni ngapandle, ukuze nazi ukuba andifumani tyala kuye. 5(Wapuma ngoko u‐Yesu ngapandle, esambete isitsaba semitolo, nengubo ebomvu.) Waza wati kubo: Nanku umntu ke! 6Xeshekweni ngoko bambonayo abaperisite abakulu namadindili, badanduluka, besiti: Mkuruseshe, mkuruseshe! Wati u‐Pilati kubo: Mtabateni nina, nimkuruseshe; ngokuba ndingafumani tyala kuye mna. 7Ati ama‐Juda ukumpendula: Tina sinomteto, kanjalo ngawo lomteto wetu ufanelwe kukufa, ngokuba wabezenza unyana katixo.
8Wandula u‐Pilati akuva elilizwi, woyika ngakumbi, 9wabuya wangena endlwini yenkosi, wati ku‐Yesu: Uvela pina? Kodwa u‐Yesu akamnika mpendulo. 10Wati ngoko u‐Pilati kuye: Akuteti kum na? akwazi na ukuba ndinegunya lokukurusesha, nokuba ndinegunya lokukukulula? 11Wati u‐Yesu ukupendula: Ubungayi kuba nagunya ngakum nakanye, ukuba ubungalinikwanga livela pezulu: ngako oku lowo wandinikelayo kuwe unesono esikulu ngakumbi.
12Emveni kwoku wabefuna u‐Pilati ukumkulula: kodwa ama‐Juda abedanduluka, esiti: Ukuba lo uyamkulula, akunguye umhlobo ka‐Kesare: osukuba ezenza ukumkani uyamca̔sa u‐Kesare. 13Wati ngoko u‐Pilati akuva elilizwi, wamzisa u‐Yesu ngapandle, wahlala pantsi pezu kwesihlalo sokugweba endaweni e‐kutiwa Sisandlalwamatye, kodwa ngokwama‐Hebere yi‐Gabata: 14(kekaloku ibiyimini yokulungiselela yasepasikeni, neyure yanga yayeyesitandatu:) waza wati kuma‐Juda: Nanku ukumkani wenu! 15Kodwa adanduluka wona, esiti: Msuse, msuse, mkuruseshe yena! Wati kuwo u‐Pilati: Ndimkuruseshe ukumkani wenu na? Bati ukupendula abaperisite abakulu: Asinakumkani, sino‐Kesare kupela. 16Wandula ngoko wamnikela kubo, ukuze akuruseshwe.
Baza bamtabata u‐Yesu, bemka naye. 17Waza yena etwala ikuruse yake wapuma waya endaweni e‐kutiwa yeyenkankani, leyo kutiwa ngokwama‐Hebere yi‐Gologota; 18apo bamkuruseshela kona, nabanye bebabini ndawonye naye, omnye ngelicala, omnye ngeliya, u‐Yesu epakati.
19Kanjako u‐Pilati waba̔la isiba̔lwa, wasibeka pezu kwayo ikuruse. Kwabekuba̔liwe ukuti: Uyesu wasenazarete ukumkani wamajuda. 20Esi isiba̔lwa ke ama‐Juda amaninzi asilesesha; ngokuba londawo ibikufupi nesixeko, apo u‐Yesu wakuruseshelwa kona: kwabekuba̔liwe ngokwama‐Hebere, nangokwama‐Girike, nangokwama‐Roma. 21Baye besiti ngoko abaperisite abakulu bama‐Juda ku‐Pilati: Ungaba̔li ngokuti: Ukumkani wama‐Juda; koko uti, watsho yena ukuti: Ndingukumkani wama‐Juda. 22Wati ukupendula u‐Pilati: Oko ndikuba̔lileyo, ndikuba̔lile.
23Andula amasodati, okuya abemkuruseshile u‐Yesu, atabata izivato zake, enza izahlulo zazine, sibe sisahlulo sinye kumasodati amanye ngamanye, kwa nengubo yake yapantsi: kekaloku ingubo yake yapantsi ibe ingenamtungo, ilukiwe ipela kutabata pezulu. 24Ati ngoko elinye kwelinye: Masingaṙazuli yona, koko masenze amaqashiso ngayo, okuba yoba yekabanina: ukuze isiba̔lo sizaliseke, esiti: Babelana izivato zam, napezu kwengubo yam benza amaqashiso. Ezizinto ke ngoko amasodati lawo azenza.
25Kekaloku kube kumi ngakuyo ikuruse ka‐Yesu unina, nodade wonina, u‐Mariya umfazi ka‐Kelopasi, no‐Mariya wase‐Magadala. 26Waza u‐Yesu akubona unina, nalomdisipile emi kufupi abemtanda, wati kunina: Mfazi, nanko unyana wako! 27Wandula wati kulomdisipile: Nanko unyoko! Waza umdisipile lowo emveni kweloxeshana wamtabatela ekayeni lake.
28Emveni kwoku, esazi u‐Yesu ukuba zonke izinto zise zigqityiwe, ukuze sifezwe isiba̔lo, wati: Ndiyanxanwa. 29Kekaloku bekumi kona isitya sizele yiyasine: baza bazalisa ikepekepe ngeyasine, balifaka kwihisope, balisondeza emlonyeni wake. 30Wandula u‐Yesu akuba eyamkele iyasine leyo, wati: Kugqityiwe! waza watoba intloko, wanikela umpefumlo.
31Andula ati ama‐Juda, ngenxa yokuba ibiyimini yokulungiselela, ukuze imizimba ingahlali ekuruseni ngesabata, (ngokuba ubungumhla omkulu owesabata leyo,) amtandaza u‐Pilati ukuba mayapulwe imilenze yabo, baze basuswe. 32Eza ngoko amasodati, ayapula imilenze yowokuqala, neyomnye obekuruseshwe naye. 33Kodwa efikile ku‐Yesu, akubona ukuba usel’ efile yena, awayapula imilenze yake; 34koko elinye lamasodati lahlaba icala lake ngomkonto, kwaza kwasekupuma igazi namanzi. 35Nalowo obonileyo unqi̔nile, nobunqi̔na bake buyinyaniso: kanjalo uyazi yena ukuba uyateta okuyinene, ukuze nikolwe. 36Ngokuba zenzekile ezizinto, ukuze isiba̔lo sizaliseke, sokuti: Aliyi kwapulwa nalinye itambo lake. 37Nakanjako esinye isiba̔lo sitsho ukuti: Baya kukangela lowo bamhlabayo.
38Kekaloku emveni kwezizinto, u‐Josefe wase‐Arimateya, engumdisipile ka‐Yesu, enjalo kodwa ngasese ngenxa yokwoyika ama‐Juda, wamtandaza u‐Pilati ukuba makasuse umzimba ka‐Yesu: waza u‐Pilati wamvumela. Weza ngoko, wawususa umzimba ka‐Yesu. 39Weza kanjalo no‐Nikodemo, lowo wezayo ku‐Yesu ngobusuku ekuqaleni, ezisa impitikezo yemore nekala, zinga iponti zilikulu linye. 40Bandula bawutabata umzimba ka‐Yesu, bawubopa ngeqiya zokubopa ndawonye nezimnandi ezo, njengokuba ama‐Juda enesiko lokuncw̔aba.
41Kekaloku kulondawo apo ebekuruseshelwe kona bekuko umyezo, nakulomyezo incw̔aba elitsha, ekungazanga kubekwe mntu kulo. 42Kwa lapo ngoko, ngenxa yemini yokulungiselela yama‐Juda, kuba libe likufupi incw̔aba elo, bambeka u‐Yesu.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena