Akuba amajoni embethelele emnqamlezweni uYesu, azithatha iimpahla zakhe, abelana ngazo emané. Asithatha sona isambatho sakhe esasingenamthungo, salukiwe nje sisonke ukususela phezulu. Ke ngoko athetha-thethana esithi: “Masingasikrazuli; *masiqashise ngaso ukuba siya kuba sesikabani.” Ukwenjenje oku ayezalisekisa loo ndawo *eziBhalweni ithi:
“Babelana ngeempahla zam;
baqashisa ngesambatho sam.”
Enza loo nto kanye amajoni.
Apho ngasemnqamlezweni kaYesu kwakumi unina, nodade bonina, noMariya umka-Kleyopa, kunye noMariya waseMagadala. UYesu akumbona unina emi kunye naloo mfundi uYesu wayemthanda, wathi kunina: “Mama, nanko unyana wakho.”
Waza wathi kuloo mfundi: “Nanko unyoko.” Ukususela ngelo xesha loo mfundi wamthathela emzini wakhe unina kaYesu.
UYesu wayesazi ngoku okokuba konke kugqityiwe ukuba kuzalisekiswe okuxelwe *eziBhalweni, waza wathi: “Ndinxaniwe.”
Kwakukho isitya sizele yiwayini emuncu apho, baza bathi nkxu imfunxa kuloo wayini, bayibeka engcongolweni ekuthiwa yihisopu, bayisondeza emlonyeni kaYesu. Akuba eyimfimfithile iwayini uYesu wathi: “Kugqityiwe.”
Wee qubudu intloko, waphuma umphefumlo.
Kwakungokuhlwa okwandulela *iPasika. AmaJuda ayengathandi ukuba kubekho imizimba esaxhonywe eminqamlezweni *ngoMhla wokuPhumla, ngakumbi ngalo wePasika. Amcela ke uPilato ukuba yaphulwe imilenze yâbo babebethelelwe, baze bothulwe nasemnqamlezweni. Aya ke amajoni, afika ayaphula imilenze yowokuqala, aza ayaphula neyowesibini owayebethelelwe kunye noYesu. Kodwa akufika kuYesu, afumana ukuba selefile; akabi sayaphula ke eyakhe imilenze. Suka lamhlaba ngomkhonto ephangweni elinye ijoni, kwaza kwampompoza igazi namanzi.
Oku kuyangqinwa ngomnye wâbo bakubonileyo, yaye ubungqina bakhe buyinyaniso. Uyazazi ukuba unyanisile, efuna ukuba nani nikholwe. Zisenzeka nje ezi zinto, zazizalisekisa okuxelwe *ziziBhalo zisithi: “Akuyi kwaphulwa nalinye ithambo lakhe.” Kwakhona enye indawo yeziBhalo ithi: “Baya kujonga kulowo bamhlabileyo.”
Ke kaloku emva koko uJosefu waseArimati wacela imvume kuPilato ukuba awuthathele kuye umzimba kaYesu. UJosefu lo wayengumlandeli ofihlakeleyo kaYesu ngenxa yokoyika amaJuda. UPilato wamvumela, waza ke uJosefu waya kuwuthula umzimba kaYesu. UJosefu wayekhatshwa nguNikodimo, lowo wayekhe waya kuYesu ngobusuku. UNikodimo wayephethe umxube wentlaka yokuqhola nencindi yekhala engaphezu kweekhilogram ezingamashumi amathathu. Bawuthatha ke umzimba kaYesu, bawuthandela ngamalaphu elinen, bawuqhola njengokuba kwakusenziwa ngokwesiko lamaJuda. Kwakukho isitiya kuloo ndawo wayebethelelwe emnqamlezweni kuyo uYesu, kukho nengcwaba elitsha, kungekangcwatywa mntu kulo. UYesu ke bamngcwaba kweli ngcwaba lilelona likufutshane, kuba *uMhla wokuPhumla wawuselusondele.