uYohane 19:23-42

uYohane 19:23-42 CXB24

Athe ngoko amasoldati, xa abembethelele emnqamlezweni uYesu, azithabatha iingubo zakhe, enza izabelo ezine, laelo isoldati lanesabelo; kwanengubo yangaphantsi. Ke yona ingubo yangaphantsi ibingenamthungo; yayilukiwe iphela, ithabathele phezulu. Atshono ngoko ukuthi, Masingayikrazuli, masiyenze amaqashiso, ukuba yoba yekabani na; ukuze sizaliseke isibhalo esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam. Amasoldati ke ngoko azenza ezi zinto. Ke kaloku kwakumi ngasemnqamlezweni kaYesu unina, nomsakwabo bonina, uMariya umkaKleyopa, noMariya waseMagadala. uYesu ngoko, akumbona unina, naye umfundi abemthanda emi khona, uthi kuye unina, Mfazi, nanko unyana wakho! Aze athi kumfundi lowo, Nanko unyoko! Wathi kwakwelo lixa loo mfundi wamthabatha, wamsa ekhayeni lakhe. Emveni koko, uYesu, esazi ukuba zonke izinto sezifezekile, ukuze sifezeke isibhalo, wathi, Ndinxaniwe. Kwakukho isitya sizele yiviniga; bazalisa imfunxa ngeviniga, bayibeka phezu kwehisope, bayisa emlonyeni wakhe. Xa ngoko uYesu wabeyamkele iviniga, wathi, Kugqityiwe! Wathoba intloko, wawunikela umoya wakhe. Athe ngoko amaYuda, ekubeni yayiyimini yokulungiselela, ukuba imizimba ingahlali emnqamlezweni ngesabatha (kuba loo sabatha ibingumhla omkhulu), acela kuPilato ukuba imilenze yabo yaphulwe, babanjwe, kude. Eza ngoko amasoldati, ayaphula okunene imilenze yowokuqala, neyomnye obebethelelwe emnqamlezweni naye. Kodwa akufika kuYesu, akubona ukuba uselefile, akayaphula imilenze yakhe. Lesuka elinye isoldati lamhlaba ngomkhonto ecaleni, kwaoko kwaphuma igazi namanzi. Nalowo ubonileyo ungqinile, nobungqina bakhe buyinyaniso; naye yena uyazi ukuba uthetha inyaniso, ukuze nani nikholwe. Ezo zinto zenzeka ukuze isibhalo sizaliseke esithi, Akuyi kwaphulwa thambo lakhe. Kanjalo nesinye isibhalo sithi, Baya kukhangela kulowo bamhlabileyo. Ke kaloku emveni koko, uYosefu waseArimati (engumfundi kaYesu, ke enguye ngokufihlakeleyo ngenxa yokoyika amaYuda), wacela kuPilato, ukuba awususe umzimba kaYesu. Waza uPilato wavuma; Weza ngoko, wawuthabatha umzimba kaYesu. Kweza noNikodemo, lowo wezayo kuYesu ekuqaleni ebusuku, ephethe umxube wemore nehaloti, omalunga nekhulu leeponti. Bawuthabatha ke umzimba kaYesu, bawubopha ngezisongelo zelinen, ndawonye nobulawu, njengoko kulisiko lokungcwaba kumaYuda. Ke kaloku, bekukho kuloo ndawo wayebethelelwe kuyo emnqamlezweni umyezo; nasemyezweni apho bekukho ingcwaba elitsha, ekungazanga kubekwe mntu kulo. uYesu ngoko bambeka khona apho, ngenxa yemini yokulungiselela kwamaYuda; kuba ingcwaba belikufuphi.