Ivangeli ka‐Johane 1:1-18

Ivangeli ka‐Johane 1:1-18 XHO1902A

EKUQALEKENI ebeko u‐Lizwi, Waye u‐Lizwi ebeko KUTIXO, ebe NGUTIXO u‐Lizwi kanjako. Yena lo ebeko ekuqalekeni KUTIXO. Zonke izinto zenziwa nguye; nangapandle kwake akwenziwa nanye into eyenziweyo. Kuye yena bebuko ubomi; nobomi obo bebulukanyiso lwabantu. Luti ukanyiso olu lukanye ebumnyameni; kanti ubumnyama abuluqiqanga. Kwavela umntu etunyiwe NGUTIXO, ogama lingu‐Johane. Yena lo wezela ukunqi̔na, ukuba anqi̔ne ngalo ukanyiso, ukuze bonke bakolwe ngaye. Ebengelulo ukanyiso yena: koko wezayo ukuba anqi̔ne ngalo ukanyiso. Lona ukanyiso oluyinyaniso belululo olukanyisayo bonke abantu besiza elizweni. Ebeko elizweni, kanjalo ilizwe lenziwa nguye, kanti ilizwe alimazanga. Weza kokwake, kanti abake abamamkelanga. Kodwa bonke abamamkelayo, wapa bona igunya lokuba babe lusapo LUKATIXO, abo bakolwayo egameni lake: abebengazelwe ngegazi, nangentando yenyama, nangentando yomntu, koko bebezelwe NGOTIXO. Waza u‐Lizwi waba yinyama, wahlala pakati kwetu, (sati kekaloku sakangela ubungcwalisa bake, ubungcwalisanjengabo obokupela kwozelweyo evela KUTIXO,) ezele lufeie nayinyaniso. U‐Johane wanqi̔na ngaye, wadanduluka, esiti: Ebenguye lo endati ngaye: Ozayo emva kwam, uze kuba pambili kum; ngokuba ebeko ndingekabiko mna. Nasekuzaleni kwake tina sonke samkela, kwa nofefe pezu kwofefe. Ngokokuba umteto wanikwa ngo‐Mosesi; kweza ufefe nenyaniso ngo‐Yesu Kristu. Akuko mutu oke wambona UTIXO nakanye: unyana okupela kwozelweyo, osesifubeni SOYISE, oyena wamtyila.