Ivangeli ka‐Johane 1

1
ISAHLUKO I.
1EKUQALEKENI ebeko u‐Lizwi, Waye u‐Lizwi ebeko kutixo, ebe ngutixo u‐Lizwi kanjako. 2Yena lo ebeko ekuqalekeni kutixo. 3Zonke izinto zenziwa nguye; nangapandle kwake akwenziwa nanye into eyenziweyo. 4Kuye yena bebuko ubomi; nobomi obo bebulukanyiso lwabantu. 5Luti ukanyiso olu lukanye ebumnyameni; kanti ubumnyama abuluqiqanga.
6Kwavela umntu etunyiwe ngutixo, ogama lingu‐Johane. 7Yena lo wezela ukunqi̔na, ukuba anqi̔ne ngalo ukanyiso, ukuze bonke bakolwe ngaye. 8Ebengelulo ukanyiso yena: koko wezayo ukuba anqi̔ne ngalo ukanyiso.
9Lona ukanyiso oluyinyaniso belululo olukanyisayo bonke abantu besiza elizweni. 10Ebeko elizweni, kanjalo ilizwe lenziwa nguye, kanti ilizwe alimazanga. 11Weza kokwake, kanti abake abamamkelanga. 12Kodwa bonke abamamkelayo, wapa bona igunya lokuba babe lusapo lukatixo, abo bakolwayo egameni lake: 13abebengazelwe ngegazi, nangentando yenyama, nangentando yomntu, koko bebezelwe ngotixo.
14Waza u‐Lizwi waba yinyama, wahlala pakati kwetu, (sati kekaloku sakangela ubungcwalisa bake, ubungcwalisanjengabo obokupela kwozelweyo evela kutixo,) ezele lufeie nayinyaniso.
15U‐Johane wanqi̔na ngaye, wadanduluka, esiti: Ebenguye lo endati ngaye: Ozayo emva kwam, uze kuba pambili kum; ngokuba ebeko ndingekabiko mna.
16Nasekuzaleni kwake tina sonke samkela, kwa nofefe pezu kwofefe. 17Ngokokuba umteto wanikwa ngo‐Mosesi; kweza ufefe nenyaniso ngo‐Yesu Kristu. 18Akuko mutu oke wambona utixo nakanye: unyana okupela kwozelweyo, osesifubeni soyise, oyena wamtyila.
19KEKALOKU oku kukunqi̔na kuka‐Johane, xeshekweni ama‐Juda ase‐Yerusaleme atuma abaperisite naba‐Levi, ukuze babuze kuye ukuti: Wena ungubanina? 20Waza wavuma, akakanyela ke; ewe wavuma, esiti: Andinguye u‐Kristu. 21Baza babuza kuye ukuti: Uti nina pofu? unguye na u‐Elija? Wayesiti: Andinguye. Bati: Unguye na umprofite lowo? Wapendula wati: Hai. 22Bati ngoko kuye: Ungubanina? ukuze sibanike impendulo abo basitumayo: uti nina ngesiqu sako? 23Wati: Ndililizwi lodandulukayo entlango: Lungelelanisani indlela kayehova; njengokuba bekutshiwo ngu‐Yisaya umprofite.
24Kekaloku abo babetunyiwe bebengabakubo abafarisi. 25Baza bambuza, bati kuye: Yinina pofu ukuba ubapitizeshe, ukuba akunguye u‐Kristu, kwa no‐Elija, kwa nomprofite lowo? 26Wapendula kubo u‐Johane, esiti: Mna ndiyabapitizesha ngamanzi: kodwa kumi pakati kwenu oningamaziyo; 27nguye oti, esiza emva kwam, uze kuba pambili kum, endingafanele mna ukuba ndiwutukulule umtya wesihlangu sake. 28Ezizinto zenzeka e‐Betabara pesheya kwe‐Yoredane, apo u‐Johane ebebapitizesha kona.
29Ngomhla olandelayo u‐Johane wambona u‐Yesu esiza kuye, wati: Kangela imvana katixo, esusayo isono selizwe! 30Nguye lo endati ngaye: Kuza emva kwam umntu, oze kuba pambili kum; ngokuba ebeko ndingekabiko mna. 31Ndaye ndingamazi ke: koko ukuze abonakaliswe ko‐Sirayeli, kukona ndezayo mna ndibapitizesha ngamanzi. 32Waza wanqi̔na u‐Johane, esiti: Ndibonile umoya esihla njengehobe ezulwini, waza wahlala pezu kwake. 33Ndaye ndingamazi ke: koko lowo wanditumayo ukuba ndibapitizeshe ngamanzi, oyena wati kum: Lowo usukuba ubona umoya esihla ehlala pezu kwake, nguye lo obapitizesha ngomoya oyingcwele. 34Ndibonile ke, ndinqi̔nile kanjalo ukuba lo unguye unyana katixo.
35Kanjako ngomhla olandelayo ebemi u‐Johane, kwa nababini kubadisipile bake. 36Waza emkangele u‐Yesu ehamba wati: Kangela imvana katixo! 37Bati abobadisipile ababini bamva eteta, bamlandela u‐Yesu. 38Wajika ke u‐Yesu, wababona belandela, wati kubo: Nifuna nto nina? Bati bona kuye: Rabi! (oko kukuti ngokukunyushwa, Mfundisi!) uhlala pina? 39Wati kubo: Yizani nibone. Beza babona apo ahlala kona, bahlala kuye imini leyo; yabiyiyure yanga yeyeshumi. 40Ebengu‐Andreya umninawe ka‐Simone Petrosi, omnye kwabo babini ababevile ku‐Johane ngo‐Yesu, bamlandela. 41Wati yena lo kuqala wafumana umkuluwe wake u‐Simone, wati kuye: Simfumene u‐Mesiya: (okukuti ngokukunyushwa, u‐Kristu.) 42Waza wamzisa ku‐Yesu. Wati u‐Yesu emkangele ke: Wena ungu‐Simone, unyana ka‐Jona; uya kubizwa ngo‐Kefasi; (okuti ukukunyushwa ngo‐Petrosi.)
43Ngomhla olandelayo wanga u‐Yesu angemka ukuya e‐Galili: waza wafumana u‐Filipi, wati kuye: Ndilandele. 44Kekaloku u‐Filipi ebengowase‐Betesayida, kwisixeko sika‐Andreya no‐Petrosi. 45U‐Filipi wafumana u‐Natanayeli, wati kuye: Lowo kwaba̔lwa ngaye ngu‐Mosesi emtetweni nangabaprofite, simfumene, u‐Yesu unyana ka‐Josefe, owase‐Nazarete. 46Waza u‐Natanayeli wati kuye: Kungavela e‐Nazarete into elungileyo yinina? Wati u‐Filipi kuye: Yiza ubone. 47U‐Yesu wambona u‐Natanayeli esiza kuye, wati ngaye: Nanku um‐Sirayeli ngenyaniso, ekungeko nkohliso kuye! 48Wati u‐Natanayeli kuye: Uzuze pina ukundazi kwako? Wapendula u‐Yesu wati kuye: Engekakubizi u‐Filipi, wakuba ubungapantsikwomkiwane, ndakubona. 49Wapendula u‐Natanayeli wati kuye: Rabi! unguye unyana katixo, unguye ukumkani wo‐Sirayeli. 50Wapendula u‐Yesu wati kuye: Ngokokuba ndati kuwe, ndakubona ngapantsi kwomkiwane, uyakolwa na? uya kubona izinto ezinkulu kwezi. 51Waza wati kuye; Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuwe: Emveni kwoku niya kubona izulu livulekile, nengelosi zikatixo zinyuka zisihla nokuhla pezu kwonyana wesintu.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena