Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, waye uLizwi ekuye uThixo, waye uLizwi enguThixo. Yena lowo ebekho kwasekuqalekeni kuThixo. Izinto zonke zabakho ngaye; engekho yena, akubangakho nanye into ethe yabakho. Kuye kwakukho ubomi; baye obo bomi baba lukhanyiso eluntwini. Olu khanyiso lukhanya ebumnyameni; kwaye ubumnyama abuzange bukoyise ukukhanya kwalo. Kwakho mntu uthunyiweyo evela kuThixo, ugama linguYohane. Yena weza kungqina, engqinela ukukhanya, ukuze bonke bakholwe ngaye. Yena lowo ubengelulo ukhanyiso; weza kungqina ngalo ukhanyiso. Lowo ulukhanyiso lwenene olukhanyisela wonke umntu, wayesiza ehlabathini. Ube esehlabathini ke, ihlabathi labakho ngaye, kodwa ihlabathi alamazi. Weza kwabakhe, baza abakhe abamamkelanga. Ke bonke abamamkelayo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe; Abangazalwanga ngagazi, nangakuthanda kwanyama, nangakuthanda kwandoda; bazalwa nguThixo. uLizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso. uYohane wangqina ngoLizwi; wadanduluka esithi, Ubenguye lo bendithetha yena, ndisithi, Lowo uzayo emva kwam, usuke waba phambi kwam, ngokuba waye etanci kum. Enzalisekweni yakhe thina sonke samkela kwaubabalo phezu kobabalo. Ngokuba umthetho wawiswa ngoMoses, lwabakho lona ubabalo nenyaniso ngoYesu Kristu. Akukho namnye wakha wambona uThixo; uNyana okuphela kwamzeleyo, lowo usesifubeni sikaYise, nguye ocacise oko.
Funda uYohane 1
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: uYohane 1:1-18
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo