UYOHANE 1:1-18

UYOHANE 1:1-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, waye uLizwi ekuye uThixo, waye uLizwi enguThixo. Yena lowo ebekho ekuqalekeni kuThixo. Izinto zonke zabakho ngaye; engekho yena, akubangakho nanye into ethe yabakho. Kuye kwakukho ubomi, baye ubomi obo bulukhanyiselo lwabantu. Ukhanyiso ke olo lwabonakala ebumnyameni, basuka ubumnyama àbaluqiqa. Kwakho mntu uthunyiweyo evela kuThixo, ugama linguYohane. Lowo weza kuba lingqina, ukuze angqine ngalo ukhanyiso, ukuze bonke bakholwe ngaye. Yena lowo ubengelulo ukhanyiso; weza kungqina ngalo ukhanyiso. Waye ke yena elukhanyiso oluyinyaniso, olubakhanyiselayo abantu bonke, esiza ehlabathini. Ube esehlabathini ke; ihlabathi labakho ngaye, ihlabathi alimazanga. Weza kokwakhe, baza abakhe àbamvuma. Ke bonke abamamkeláyo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe; abangàzalwanga ngagazi, nangakuthanda kwanyama, nangakuthanda kwandoda; bazalwa nguThixo. ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso. Uthi uYohane angqine ngaye, adanduluke esithi, Ubenguye lo bendithetha yena, ndisithi, Lowo uzayo emva kwam, usuke waba phambi kwam, ngokuba waye etanci kum. Enzalisekweni yakhe thina sonke samkela kwaubabalo phezu kobabalo. Ngokuba umthetho wawiswa ngoMoses, lwabakho lona ubabalo nenyaniso ngoYesu Kristu. Akukho namnye wakha wambona uThixo; uNyana okuphela kwamzeleyo, lowo usesifubeni sikaYise, nguye ocacise oko.

UYOHANE 1:1-18 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ekuqaleni, kungekadalwa, wayeselekho uLizwi. ULizwi lo wayekunye noThixo, naye ngokwakhe enguThixo. Yena wayekunye noThixo kwasekuqalekeni. Izinto zonke zadalwa ngaye; ngaphandle kwakhe akubangakho nto idaliweyo. Indalo yonke yaba nobomi ngaye, baza obo bomi baba lukhanyiso eluntwini. Olu khanyiso lukhanya ebumnyameni; kwaye ubumnyama abuzange bukoyise ukukhanya kwalo. UThixo wathuma mntu uthile, ogama linguYohane. Yena weza kungqina, engqinela ukukhanya, ukuze bonke bakholwe ngenxa yobungqina bakhe. Yena uYohane ngokwakhe wayengelulo ukhanyiso, koko weza kungqina ngalo. Lowo ulukhanyiso lwenene olukhanyisela wonke umntu, wayesiza ehlabathini. Wafika ke yena ehlabathini; kanti, nangona ihlabathi labakho ngaye nje, alimqondanga. Weza kwelakowabo, aza amawabo akamamkela. Kodwa bonke abâmamkeláyo, bezinikele kuye ngokupheleleyo, wabanika igunya lokuba ngabantwana bakaThixo. Ababanga ngabantwana bakaThixo ngokuzalwa bengabomlibo othile, okanye ngokuzalwa ngendlela yemvelo; nguThixo ngokwakhe obazeleyo. ULizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso. UYohane wangqina ngoLizwi; wavakalisa esithi: “Lo ngulowo bendithetha ngaye xa bendisithi: ‘Lowo uza emva kwam mkhulu kunam, kuba wayeselekho ndingekabikho mna.’ ” Ngokuphuphuma kobubele bukaLizwi, thina sonke saphiwa iintsikelelo ezingenasiphelo. Nakuba uThixo wasinika umthetho ngoMosis, ubabalo nenyaniso wasinika ngoYesu Krestu. Akukho namnye umntu owakha wambona uThixo. Abantu bamazi uThixo ngokumaziswa nguNyana okukuphela kwakhe, yena okwanguThixo, ohlala ehleli esenyongweni kuYise.

UYOHANE 1:1-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, waye uLizwi ekuye uThixo, waye uLizwi enguThixo. Yena lowo ebekho kwasekuqalekeni kuThixo. Izinto zonke zabakho ngaye; engekho yena, akubangakho nanye into ethe yabakho. Kuye kwakukho ubomi; baye obo bomi baba lukhanyiso eluntwini. Olu khanyiso lukhanya ebumnyameni; kwaye ubumnyama abuzange bukoyise ukukhanya kwalo. Kwakho mntu uthunyiweyo evela kuThixo, ugama linguYohane. Yena weza kungqina, engqinela ukukhanya, ukuze bonke bakholwe ngaye. Yena lowo ubengelulo ukhanyiso; weza kungqina ngalo ukhanyiso. Lowo ulukhanyiso lwenene olukhanyisela wonke umntu, wayesiza ehlabathini. Ube esehlabathini ke, ihlabathi labakho ngaye, kodwa ihlabathi alamazi. Weza kwabakhe, baza abakhe abamamkelanga. Ke bonke abamamkelayo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe; Abangazalwanga ngagazi, nangakuthanda kwanyama, nangakuthanda kwandoda; bazalwa nguThixo. uLizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso. uYohane wangqina ngoLizwi; wadanduluka esithi, Ubenguye lo bendithetha yena, ndisithi, Lowo uzayo emva kwam, usuke waba phambi kwam, ngokuba waye etanci kum. Enzalisekweni yakhe thina sonke samkela kwaubabalo phezu kobabalo. Ngokuba umthetho wawiswa ngoMoses, lwabakho lona ubabalo nenyaniso ngoYesu Kristu. Akukho namnye wakha wambona uThixo; uNyana okuphela kwamzeleyo, lowo usesifubeni sikaYise, nguye ocacise oko.

UYOHANE 1:1-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

EKUQALEKENI ebeko u‐Lizwi, Waye u‐Lizwi ebeko KUTIXO, ebe NGUTIXO u‐Lizwi kanjako. Yena lo ebeko ekuqalekeni KUTIXO. Zonke izinto zenziwa nguye; nangapandle kwake akwenziwa nanye into eyenziweyo. Kuye yena bebuko ubomi; nobomi obo bebulukanyiso lwabantu. Luti ukanyiso olu lukanye ebumnyameni; kanti ubumnyama abuluqiqanga. Kwavela umntu etunyiwe NGUTIXO, ogama lingu‐Johane. Yena lo wezela ukunqi̔na, ukuba anqi̔ne ngalo ukanyiso, ukuze bonke bakolwe ngaye. Ebengelulo ukanyiso yena: koko wezayo ukuba anqi̔ne ngalo ukanyiso. Lona ukanyiso oluyinyaniso belululo olukanyisayo bonke abantu besiza elizweni. Ebeko elizweni, kanjalo ilizwe lenziwa nguye, kanti ilizwe alimazanga. Weza kokwake, kanti abake abamamkelanga. Kodwa bonke abamamkelayo, wapa bona igunya lokuba babe lusapo LUKATIXO, abo bakolwayo egameni lake: abebengazelwe ngegazi, nangentando yenyama, nangentando yomntu, koko bebezelwe NGOTIXO. Waza u‐Lizwi waba yinyama, wahlala pakati kwetu, (sati kekaloku sakangela ubungcwalisa bake, ubungcwalisanjengabo obokupela kwozelweyo evela KUTIXO,) ezele lufeie nayinyaniso. U‐Johane wanqi̔na ngaye, wadanduluka, esiti: Ebenguye lo endati ngaye: Ozayo emva kwam, uze kuba pambili kum; ngokuba ebeko ndingekabiko mna. Nasekuzaleni kwake tina sonke samkela, kwa nofefe pezu kwofefe. Ngokokuba umteto wanikwa ngo‐Mosesi; kweza ufefe nenyaniso ngo‐Yesu Kristu. Akuko mutu oke wambona UTIXO nakanye: unyana okupela kwozelweyo, osesifubeni SOYISE, oyena wamtyila.

UYOHANE 1:1-18

UYOHANE 1:1-18 XHO75