1
KwabaseRoma KwabaseRoma 6:23
Contemporary Xhosa Bible 2024
Kaloku umvuzo wesono kukufa; ke sona isipho sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.
Thelekisa
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 6:23
2
KwabaseRoma KwabaseRoma 6:14
Kaloku isono asiyi kuniphatha ngabukhosi; kuba aniphantsi komthetho, niphantsi kobabalo.
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 6:14
3
KwabaseRoma KwabaseRoma 6:4
Ngoko ke sangcwatywa naye ngokubhaptizelwa ekufeni, ukuze, njengokuba uKrestu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko loYise, sithi ngokunjalo nathi sihambe sinobomi obutsha.
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 6:4
4
KwabaseRoma KwabaseRoma 6:13
Kaloku amalungu enu maningawanikeli kuso isono, ukuba abe ziintonga zentswela-bulungisa
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 6:13
5
KwabaseRoma KwabaseRoma 6:6
sikwazi nje oku, ukuba umntu wethu omdala wabethelelwa emnqamlezweni kunye naye, ukuze umzimba wesono uphuthiswe, size singabi sasikhonza isono
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 6:6
6
KwabaseRoma KwabaseRoma 6:11
Ngokunjalo nani zibaleleni ekuthini, ningabafileyo okunene kwisono; kodwa ningabadla ubomi kuThixo, nikuKristu Yesu, iNkosi yethu.
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 6:11
7
KwabaseRoma KwabaseRoma 6:1-2
Sithini na ke ngoko? Sihlale esonweni na, ukuze ubabalo lwande? Nakanye! Thina safayo nje kwisono, singathini na ukuba sahlala kuso?
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 6:1-2
8
KwabaseRoma KwabaseRoma 6:16
Anazi na ukuba lowo nizinikela kuye ukuba ngabakhonzi bokumlulamela, ningabakhonzi ngoku kulowo nimlulamelayo; nokuba kungokwesono, kusingise ekufeni, nokuba kungokululama, kusingise ebulungiseni?
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 6:16
9
KwabaseRoma KwabaseRoma 6:17-18
Makabulelwe ke kuThixo, kuba nithe, beningabakhonzi besono, nawululamela ngokwentliziyo umfuziselo wemfundiso enanikelwayo kuwo; Nakhululwa ke kuso isono, naba ngabalawulwa bobulungisa.
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 6:17-18
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo