1
KwabaseRoma KwabaseRoma 5:8
Contemporary Xhosa Bible 2024
Ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon’ ukuba sisengaboni, uKristu asifele.
Thelekisa
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 5:8
2
KwabaseRoma KwabaseRoma 5:5
Ithemba alidanisi; ngokuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele, esamnikwayo.
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 5:5
3
KwabaseRoma KwabaseRoma 5:3-4
Asikukuphela ke oko; sizingca nangeembandezelo ezi, sisazi ukuba imbandezelo isebenza unyamezelo; unyamezelo ke lusebenza ukucikideka; namava, ithemba
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 5:3-4
4
KwabaseRoma KwabaseRoma 5:1-2
Ngoko, sigwetyelwe nje ngokwaselukholweni, sinoxolo kuThixo ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu; Esaba nako ngaye ukuthi singene ngokholo kolu lubabalo simiyo kulo, siqhayise ngokuthemba uzuko lukaThixo.
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 5:1-2
5
KwabaseRoma KwabaseRoma 5:6
Kuba uKristu uthe, sakuba sisengama-athalala, wabafela ngexesha elimisiweyo abangahloneli Thixo.
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 5:6
6
KwabaseRoma KwabaseRoma 5:9
Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo.
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 5:9
7
KwabaseRoma KwabaseRoma 5:19
Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva komntu omnye lowo, abaninzi benziwa aboni, ngokunjalo kuya kuthi, nangokuva komnye lo, abaninzi benziwe amalungisa.
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 5:19
8
KwabaseRoma KwabaseRoma 5:11
Asikukuphela ke oko; singabazingca nokuzingca nangaye uThixo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, esamkele ngayo kalokunje ucamagushelo.
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 5:11
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo