KWABASEROMA 6:17-18
KWABASEROMA 6:17-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Makabulelwe ke kuThixo, kuba nithe, beningabakhonzi besono, nawululamela ngokwentliziyo umfuziselo wemfundiso enanikelwayo kuwo; Nakhululwa ke kuso isono, naba ngabalawulwa bobulungisa.
KWABASEROMA 6:17-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Makubulelwe ke kuThixo, ukuba nithe, beningabakhonzi besono, nawululamela ngokwentliziyo umfuziselo wemfundiso enanikelwayo kuwo; nathi, nákuba nikhululwe ke kuso isono, nakhonziswa kubo ubulungisa.
KWABASEROMA 6:17-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke kaloku, makubulelwe kuThixo, kuba nanifudula nilawulwa sisono, kodwa ngoku niyithobela ngokupheleleyo imfundiso eniyifundisiweyo. Nakhululwa ke kuso isono, naba phantsi kobulungisa.
KWABASEROMA 6:17-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kodwa makubulelwe KUTIXO ukuba, nangona nibe nizizicaka zesono, neva noko ngentliziyo umlinganiselo wofundiso enaninikelwe kuwo; naza nati, nikululekisiwe kuso isono nje, nenzwa izicaka ebulungiseni.