1
Incwadi ka‐Yakobi 1:2-3
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Yitini luvuyo lwonke, bazalwana bam! xeshekweni niwelayo emalingweni amaninzi; nisazi nje ukuba ukulingwa kwokolo lwenu kuyazuzisa umonde.
Thelekisa
Phonononga Incwadi ka‐Yakobi 1:2-3
2
Incwadi ka‐Yakobi 1:5
Kodwa ukuba kuko owenu uswele ubulumko, makacele KUTIXO oti bonke abape ngesisa, angatetisi ke; waeya kubupiwa.
Phonononga Incwadi ka‐Yakobi 1:5
3
Incwadi ka‐Yakobi 1:19
Ngoko ke, bazalwana bam abatandiweyo! mabati bonke abantu ngabanye banxamele ukuva, balibalele ukuteta, balibalele ukuqumba.
Phonononga Incwadi ka‐Yakobi 1:19
4
Incwadi ka‐Yakobi 1:4
Kodwa wona umonde maube nomsebenzi ofezekileyo, ukuze nibe nifezekile nizalisekile, ningasweleki nganto.
Phonononga Incwadi ka‐Yakobi 1:4
5
Incwadi ka‐Yakobi 1:22
Kodwa yibani ngabenzi belizwi, ningabi ngabapulapuli kodwa, nizibukuqa nje.
Phonononga Incwadi ka‐Yakobi 1:22
6
Incwadi ka‐Yakobi 1:12
Unetamsanqa umntu onyamezelayo ukulingwa; kuba eya kuti akuba ebukiwe asamkele isitsaba sobomi, eso INKOSI ibatembisile abayitandayo ngaso.
Phonononga Incwadi ka‐Yakobi 1:12
7
Incwadi ka‐Yakobi 1:17
Zonke izipo ezilungileyo nazo zonke izipiwo ezifezekileyo zivela pezulu, zisihla KUYISE wezikanyiso, okuye kungeko kuguquleka nesitunzi sokujika.
Phonononga Incwadi ka‐Yakobi 1:17
8
Incwadi ka‐Yakobi 1:23-24
Ngokuba lowo usukuba engumpulapuli welizwi, engengumenzi kanti, yena lo ufana nomntu ebonela ubuso bake bokuvela encwadini; ngokuba ezibonele, wemka ke, waza walibala msinya ukuba ebenjanina.
Phonononga Incwadi ka‐Yakobi 1:23-24
9
Incwadi ka‐Yakobi 1:27
Imbedesho ecocekileyo enganco̔lisekileyo pambi kwake UTIXO noyise yiyo le; yokuba umntu alunguze inkedama nabahlolokazi ebunzimeni babo, nokuba azigcine engenabala kokwelizwe.
Phonononga Incwadi ka‐Yakobi 1:27
10
Incwadi ka‐Yakobi 1:13-14
Makangatsho umntu akuzingwa ukuti: Ndizingwa NGUTIXO: ngokuba UTIXO engazingeki kokukohlakeleyo; kanjalo yena ngokwake akazingi mntu. Kodwa umntu uyazingwa, akuti akukuliswe yeyake inkanuko, ahendwe.
Phonononga Incwadi ka‐Yakobi 1:13-14
11
Incwadi ka‐Yakobi 1:9
Makaqa̔yise ke umzalwana osebupantsini, ebupakanyweni bake
Phonononga Incwadi ka‐Yakobi 1:9
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo