1
U‐Hezekile 37:4-5
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Wabuya wati kum: Profitesha pezu kwamatambo la, uti kuwo: Nina matambo omileyo! yivani ilizwi LIKAYEHOVA. Itsho INKOSI e NGUYEHOVA kulamatambo ukuti: Bona ke, ndiya kungenisa kuni umoya, naniya kupila.
Thelekisa
Phonononga U‐Hezekile 37:4-5
2
U‐Hezekile 37:6
Ndandiya kubeka imisipa pezu kwenu, ndinyuse inyama pezu kwenu, ndinigubungele ngentlonze, ndibeke kuni umoya, naniya kupila ke; naye niya kukwazi okokuba mna ndi NGUYEHOVA.
Phonononga U‐Hezekile 37:6
3
U‐Hezekile 37:3
Wayesiti kum: Nyana woluntu! aya kupila na amatambo la? Ndaza ndati: NKOSI YEHOVA! wena uyazi.
Phonononga U‐Hezekile 37:3
4
U‐Hezekile 37:1-2
SAYE sipezu kwam isandla SIKAYEHOVA; wandipumisa ngo MOYA KAYEHOVA, wandibeka pantsi pakati kwetafa; lona ke lalizele ngamatambo. Waza wandidlulisa ngakuwo ngendawo yonke engqongayo: kekaloku bona ke, ebemaninzi kakulu pezu kwobuso betafa; kanjalo bona ke, ebomile kakulu.
Phonononga U‐Hezekile 37:1-2
5
U‐Hezekile 37:7-8
Ndaza ndaprofitesha njengokuba bendiyalelwa; kwasuka kwabako isandi ndakuprofitesha; kekaloku nanku ukungcangcazela, ati amatambo asondelana, itambo kwitambo lalo. Ndakangela ke, kekaloku nantsi imisipa nenyama inyukile pezu kwawo, yati intlonze yawagubungela ngapezulu; kodwa umoya ubungeko kuwo.
Phonononga U‐Hezekile 37:7-8
I-YouVersion isebenzisa ii cookies ukwenza amava akho abe ngawe. Ngokusebenzisa i-website yethu, uyakwamkela ukusebenzisa kwethu ii cookies njengoko kuchaziwe kuMgaqo-nkqubo wethu
Home
Bible
Plans
Videos