UHEZEKILE 37:1-2
UHEZEKILE 37:1-2 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Saba phezu kwam isandla sikaYehova; waphuma nam uYehova, ndikuMoya, wandibeka entilini phakathi; yona ke izele ngamathambo. Wandidlulisa kuwo, wandijikelezisa ngeenxa zonke; yabona, ebemaninzi kakhulu entilini leyo; yabona, ebeselomile kakhulu.
UHEZEKILE 37:1-2 IBHAYIBHILE (XHO96)
Amandla *kaNdikhoyo andongamela, waza wandifunqula ngoMoya wakhe, wandibeka esizikithini sentlambo eyayizele ngamathambo. Wandijikelezisa phakathi kwawo, ndaza ndabona amathambo amaninzi ethe waca apho entlanjeni; ayesele ome nko.
UHEZEKILE 37:1-2 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Saba phezu kwam isandla sikaYehova, wandikhupha ngoMoya kaYehova, wandibeka emfuleni ozele ngamathambo; Wandijikajika, ndawajika ndawabona emaninzi entilini; nantso omile kakhulu.
UHEZEKILE 37:1-2 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
SAYE sipezu kwam isandla SIKAYEHOVA; wandipumisa ngo MOYA KAYEHOVA, wandibeka pantsi pakati kwetafa; lona ke lalizele ngamatambo. Waza wandidlulisa ngakuwo ngendawo yonke engqongayo: kekaloku bona ke, ebemaninzi kakulu pezu kwobuso betafa; kanjalo bona ke, ebomile kakulu.