1
Umshumayeli 3:1
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
KUKO umzuzu kuzo zonke izinto, nexesha kuyo yonke imicimbi ngapantsi kwezulu
Thelekisa
Phonononga Umshumayeli 3:1
2
Umshumayeli 3:2-3
ixesha lokuzalwa, nexesha lokububa; ixesha lokutyala, nexesha lokudonyula oko kutyaliweyo; ixesha lokubulala, nexesha lokupilisa; ixesha lokucita, nexesha lokwaka
Phonononga Umshumayeli 3:2-3
3
Umshumayeli 3:4-5
ixesha lokulila, nexesha lokuhleka; ixesha lokukala, nexesha lokududa; ixesha lokuposa amatye, nexesha lokubuta amatye; ixesha lokusingata, nexesha lokupepa ukusingata
Phonononga Umshumayeli 3:4-5
4
Umshumayeli 3:7-8
ixesha lokuṙazula, nexesha lokutungelanisa; ixesha lokuti cwaka, nexesha lokuteta; ixesha lokutanda, nexesha lokutiya; ixesha lemfazwe, nexesha loxolo.
Phonononga Umshumayeli 3:7-8
5
Umshumayeli 3:6
ixesha lokufuna, nexesha lokulahlekisa; ixesha lokugcina, nexesha lokulahla
Phonononga Umshumayeli 3:6
6
Umshumayeli 3:14
Sendikwazi ukuba konke akwenzayo UTIXO, oko kwobako kude kube ngunapakade; akungongezwe nto kuko, akungesuswe nto kuko kanjako; uyenje njalo UTIXO, ukuba kwoyikwe ebusweni bake.
Phonononga Umshumayeli 3:14
7
Umshumayeli 3:17
Ndati entliziyweni yam: Olungileyo nokohlakeleyo wobagweba UTIXO: ngokuba kuko ixesha kuyo yonke imicimbi nakuyo yonke imisebenzi kona apo.
Phonononga Umshumayeli 3:17
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo