1
Umshumayeli 2:26
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Ngokuba umntu olungileyo ebusweni bake emnika ubulumko, nokwazi, novuyo; kodwa umoni uyamnika umsebenzi wokuhlanganisa nokubuta, ukuba anike kolungileyo ebusweni BUKATIXO. Oku kokungendawo nokukatazeka kwomoya nako.
Thelekisa
Phonononga Umshumayeli 2:26
2
Umshumayeli 2:24-25
Akuko nto elungele umntu ngapezu kwokuba atye, asele, awuvise umpefumlo wake ubuyolo kuwo umzamo wake. Ndayibona nalento ukuba yavela esandleni SIKATIXO. Ngokuba ngubanina ongatyayo, ngubanina onganxamelayo, ngapezu kwam?
Phonononga Umshumayeli 2:24-25
3
Umshumayeli 2:11
Ndaza ndabeka ngakuyo yonke imisebenzi ezibe ziyenzile izandla zam, nangakuwo umzamo endibe ndizamile ngako ukuyenza: kekaloku bona ke, konke bekukokungendawo nokukatazeka kwomoya; ewe, akuko nzuzo ngapantsi kwelanga.
Phonononga Umshumayeli 2:11
4
Umshumayeli 2:10
Nako konke akubizayo amehlo am andikubambanga kuwo; andiyinqandanga intliziyo yam nakwomnye umhlali: ngokuba intliziyo yam ibivuya ngawo wonke umzamo wam; oku ke bekusisabelwa sam sivela kuwo wonke umzamo wam.
Phonononga Umshumayeli 2:10
5
Umshumayeli 2:13
Ndandula ndabona ukuba ubulumko buyagqitisela ubudenge, kwa njengokuba ukukanya kugqitisela ubumnyama.
Phonononga Umshumayeli 2:13
6
Umshumayeli 2:14
Olumkileyo amehlo ake asentlokweni yake, kanti osidenge uyahamba ebumnyameni; sendiyazi noko, kwa mna, ukuba bohlelwa sisihlo sinye bonke.
Phonononga Umshumayeli 2:14
7
Umshumayeli 2:21
Ngokuba kuko umntu omzamo wake ungobulumko, nangokwazi, nangokukutala; kanti wowushiyela umntu ongazamanga ngawo ube sisabelwa sake. Oku nako kokungendawo nobubi obukulu.
Phonononga Umshumayeli 2:21
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo