1
Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:18
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Akuko soyiko elutandweni; koko utando olufezekileyo lusilahlela pandle isoyiko; kuba isoyiko sinabo ubuhlungu: yena owoyikayo akafezekiswanga elutandweni.
Thelekisa
Phonononga Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:18
2
Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:4
Nina ningabakuye UTIXO, lusatshana! seniboyisile bona: ngokuba emkulu lowo ukuni ngapezu kwalowo uselizweni.
Phonononga Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:4
3
Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:19
Siyamtanda yena, kuba wasitanda tina tanci.
Phonononga Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:19
4
Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:7
BATANDWA! masitandane: ngokuba utando luvela KUTIXO; nosukuba etanda, yena uzelwe NGUTIXO, uyamazi UTIXO kanjako.
Phonononga Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:7
5
Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:8
Lowo ungatandiyo akamazanga UTIXO: ngokuba UTIXO elutando.
Phonononga Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:8
6
Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:10
Nal’ utando kuko oku, kungekukuba tina samtanda UTIXO, kukuba yena wasitanda tina, wamtuma unyana wake ukuba sisizi ngenxa yezono zetu.
Phonononga Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:10
7
Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:11
Batandwa! ukuba UTIXO wasitanda tina kangaka, nati sifanelwe kukutandana.
Phonononga Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:11
8
Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:9
Kuko oku utando LUKATIXO lwabonakaliswa kuti, ukuba unyana wake okupela kwozelweyo UTIXO umtumile ukuza elizweni, ukuze sipile ngaye.
Phonononga Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:9
9
Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:20
Xeshekweni umntu atshoyo ukuti: Ndiyamtanda UTIXO, kanti utiya umzalwana wake, ulixoki; ngokuba lowo ungamtandiyo umzalwana wake ambonileyo, angati nina ukumtanda UTIXO angambonileyo?
Phonononga Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:20
10
Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:15
Lowo usukuba evuma ukuba u‐Yesu unguye unyana KATIXO, UTIXO uyahlala kuye, naye yena uyahlala KUTIXO.
Phonononga Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:15
11
Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:21
Kanjalo lomyalelo sinawo uvela kuye, ukuba omtandayo UTIXO makamtande nomzalwana wake.
Phonononga Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:21
12
Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:1-2
Batandwa! ningakolwa ngomoya bonke, niti nibalinge omoya, ukuba bavela KUTIXO na: ngokuba abaprofite ababuxoki abaninzi bepumile bangena elizweni. Ngako oku niyamazi UMOYA KATIXO: Bonke omoya abavumayo u‐Yesu Kristu ukuba uzile enyameni bavela KUTIXO
Phonononga Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:1-2
13
Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:3
kanjako bonke omoya abangavumiyo u‐Yesu Kristu ukuba uzile enyameni abaveli KUTIXO: unjalo ke umoya wo‐Antikristu, lowo enivileyo ukuba uyeza, osel’ eko elizweni nakaloku.
Phonononga Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4:3
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo