Eyokuqala incwadi ka‐Johane 4

4
1Batandwa! ningakolwa ngomoya bonke, niti nibalinge omoya, ukuba bavela kutixo na: ngokuba abaprofite ababuxoki abaninzi bepumile bangena elizweni. 2Ngako oku niyamazi umoya katixo: Bonke omoya abavumayo u‐Yesu Kristu ukuba uzile enyameni bavela kutixo; 3kanjako bonke omoya abangavumiyo u‐Yesu Kristu ukuba uzile enyameni abaveli kutixo: unjalo ke umoya wo‐Antikristu, lowo enivileyo ukuba uyeza, osel’ eko elizweni nakaloku.
4Nina ningabakuye utixo, lusatshana! seniboyisile bona: ngokuba emkulu lowo ukuni ngapezu kwalowo uselizweni. 5Bona bangabakulo ilizwe: ngenxa yoku bayateta okwaselizweni, liti ilizwe libeve. 6Tina singabakuye utixo: omaziyo utixo uyasiva; lowo ungengowakuye utixo akasiva. Kwa ngako oku siyazi umoya wenyaniso nomoya wolahlekiso.
7BATANDWA! masitandane: ngokuba utando luvela kutixo; nosukuba etanda, yena uzelwe ngutixo, uyamazi utixo kanjako. 8Lowo ungatandiyo akamazanga utixo: ngokuba utixo elutando. 9Kuko oku utando lukatixo lwabonakaliswa kuti, ukuba unyana wake okupela kwozelweyo utixo umtumile ukuza elizweni, ukuze sipile ngaye. 10Nal’ utando kuko oku, kungekukuba tina samtanda utixo, kukuba yena wasitanda tina, wamtuma unyana wake ukuba sisizi ngenxa yezono zetu.
11Batandwa! ukuba utixo wasitanda tina kangaka, nati sifanelwe kukutandana. 12Akuko mntu oke wambona utixo nakanye. Xeshekweni sitandanayo, utixo uyahlala kuti, luti utando lwake lufezekiswe kuti. 13Ngako oku siyazi ukuba siyahlala kuye, nokuba yena uyahlala kuti, ngokuba esinikile o kwomoya wake. 14Nati tina sibonile, siti kanjalo sinqi̔ne okokuba uyise umtumile unyana wake ukuba ngumsindisi welizwe. 15Lowo usukuba evuma ukuba u‐Yesu unguye unyana katixo, utixo uyahlala kuye, naye yena uyahlala kutixo. 16Kanjalo tina silwazile sikoliwe nokukolwa lulo olotando utixo analo kuti. Utixo ulutando: nalowo uhlala elutandweni, yena uyahlala kutixo, naye utixo uyahlala kuye.
17Kuko oku utando lufezekiselwe tina, ukuze sibe nalo ukalipo emhleni womgwebo: ngokuba njengokuba enjalo yena lowo, sinjalo tina nati kwelilizwe. 18Akuko soyiko elutandweni; koko utando olufezekileyo lusilahlela pandle isoyiko; kuba isoyiko sinabo ubuhlungu: yena owoyikayo akafezekiswanga elutandweni. 19Siyamtanda yena, kuba wasitanda tina tanci.
20Xeshekweni umntu atshoyo ukuti: Ndiyamtanda utixo, kanti utiya umzalwana wake, ulixoki; ngokuba lowo ungamtandiyo umzalwana wake ambonileyo, angati nina ukumtanda utixo angambonileyo? 21Kanjalo lomyalelo sinawo uvela kuye, ukuba omtandayo utixo makamtande nomzalwana wake.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena