1
UISAYA 45:3
IBHAYIBHILE
Ndokunika ubutyebi obunqatyisiweyo; ewe, obugcinwe kwiindawo ezifihlakeleyo. Uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo uThixo kaSirayeli; ngenene ndim okubize ngegama.
Thelekisa
Phonononga UISAYA 45:3
2
UISAYA 45:2
“Ndim ngokwam oya kukutshayelela; iinduli neentaba ndosuka ndizilebele, amasango enziwe ngobhedu ndiwakroboze, nemivalo yentsimbi ndiyivuthulule.
Phonononga UISAYA 45:2
3
UISAYA 45:5-6
“Ndim uNdikhoyo; akukho Thixo wumbi. Ndiya kukuxhobisa utsho uqine nangona wena ungandazi. Le nto ndoyenza ukuze baqonde bonke, bazi emhlabeni wonke jikelele, baqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo, bazi ukuba akukho Thixo wumbi.
Phonononga UISAYA 45:5-6
4
UISAYA 45:7
Ndikudalile ukukhanya, kanti ke nobumnyama; ivela kum impumelelo, ngokunjalo neshwangusha; ndim mna Ndikhoyo ozenzayo ezi zinto.
Phonononga UISAYA 45:7
5
UISAYA 45:22
“Khangelani kum nisindiswe, nina zizwe zehlabathi liphela. Kaloku ndim uThixo, akukho wumbi.
Phonononga UISAYA 45:22
6
UISAYA 45:1
Wenjenje *uNdikhoyo ukuthetha nomthanjiswa wakhe uKoreshi, amthe jize ngegunya namandla oloyiso jikelele, khon' ukuze avuthulule ookumkani, avulelwe zonke iingcango, angathintelwa ngamasango esixeko
Phonononga UISAYA 45:1
7
UISAYA 45:23
Ngenene ndiyafunga, yaye esam isifungo sinyanisekile; ewe, sona soze siguquke: Zonk' iintlanga zokhahlela kum, zifunge ukuba zondithobela.
Phonononga UISAYA 45:23
8
UISAYA 45:4
Ngenxa yesicaka sam uYakobi, nditsho uSirayeli endimnyulileyo, ndikubize ngegama, ndakuthi jize ngesihomo nesithozela, nangona wena ungandazi nje.
Phonononga UISAYA 45:4
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo