1
UHEZEKILE 33:11
IBHAYIBHILE
Yithi kubo: ‘Ndikho nje ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo; akundikholisi ukufa kwabakhohlakeleyo. Ndithanda ukuba baguquke, bahlukane nezenzo zabo zobugwenxa, badle ubomi. Guqukani! Guqukani kwiindlela zenkohlakalo. Ngani ukuba nide nife, ndlundini kaSirayeli?’
Thelekisa
Phonononga UHEZEKILE 33:11
2
UHEZEKILE 33:7
“Mntundini, wena ndikwenze umlindi wendlu kaSirayeli; ngoko phulaphula amazwi endiwathetha kuwe, uze ubalumkise.
Phonononga UHEZEKILE 33:7
3
UHEZEKILE 33:9
Kodwa ukuba umntu okhahlakeleyo umnqandile kubugwenxa bakhe, waza akakuva, uya kufa ngenxa yesono sakhe, kodwa wena uya kuba ubuhlangule ekufeni ubomi bakho.
Phonononga UHEZEKILE 33:9
4
UHEZEKILE 33:6
Kodwa ukuba uthe umlindi, elibona ikrele lisiza, akalivuthela ixilongo ukulumkisa abantu, laza ikrele lafika labulala omnye wabo, lowo uya kufa ngenxa yesono sakhe, kodwa ityala lokufa kwakhe liya kuba lelomlindi.
Phonononga UHEZEKILE 33:6
5
UHEZEKILE 33:5
Ulivile ixilongo, kodwa akahoya; ngoko ke ityala lokufa kwakhe lelakhe. Ukuba ebehoyile ngesindile ekufeni.
Phonononga UHEZEKILE 33:5
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo