1
ABAGWEBI 16:20
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Wathi, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wavuka ebuthongweni, wathi, Ndiya kuphuma esi sihlandlo njengezinye izihlandlo, ndizivuthulule. Wayengazi yena, ukuba uYehova umkile kuye.
Thelekisa
Phonononga ABAGWEBI 16:20
2
ABAGWEBI 16:28
USamson wanqula uYehova wathi, Nkosi yam, Yehova, khawundikhumbule, khawundomeleze okwesi sihlandlo sodwa, Thixo; ndiphindezèle kumaFilisti impindezelo nokuba inye ngenxa yamehlo am omabini.
Phonononga ABAGWEBI 16:28
3
ABAGWEBI 16:17
Wamxelela intliziyo yakhe yonke, wathi kuye, Isitshetshe sokucheba asizanga sisondele entlokweni yam; ngokuba ndingumahlulwa kaThixo kwasesizalweni sikama. Ukuba ndithe ndachetywa, osuka kum amandla am, ndithi fehle, ndibe njengabantu bonke.
Phonononga ABAGWEBI 16:17
4
ABAGWEBI 16:16
Kwathi, akumxina ngamazwi akhe zonke iimini, emmele, wakhathazeka umphefumlo wakhe, wasingisa ekufeni.
Phonononga ABAGWEBI 16:16
5
ABAGWEBI 16:30
Wathi uSamson, Mandife namaFilisti. Wathoba ngamandla; yawa indlu phezu kwezikhulu, naphezu kwabantu bonke ababekuyo. Bathi abafi, awababulala ekufeni kwakhe, baba baninzi kunabafi awababulala esaphilile.
Phonononga ABAGWEBI 16:30
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo