ABAGWEBI 16:30
ABAGWEBI 16:30 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi uSamson, Mandife namaFilisti. Wathoba ngamandla; yawa indlu phezu kwezikhulu, naphezu kwabantu bonke ababekuyo. Bathi abafi, awababulala ekufeni kwakhe, baba baninzi kunabafi awababulala esaphilile.
ABAGWEBI 16:30 IBHAYIBHILE (XHO96)
waza wadanduluka wathi: “Mandife kunye namaFilistiya!” Wazisunduza ngamandla akhe onke – folokohlo didli! Sadilika isakhiwo; zafela apho ezo zikhulu ndawonye nabo bonke ababekhona. Ekufeni kwakhe uSamson wabulala abantu abaninzi ngaphezu kwabo wababulala esadl' ubomi.
ABAGWEBI 16:30 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi uSamson, Mandife namaFilisti. Wathoba ngobugorha bakhe bonke; yawa indlu phezu kwezikhulu naphezu kwabantu bonke ababekuyo. Ngoko ke abafileyo awababulala ekufeni kwakhe baba baninzi kunabo wababulala esadla ubomi.
ABAGWEBI 16:30 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wayesiti u‐Samsone: Umpefumlo wam maufe kunye nama‐Filistiya! Waza wazigoba ngamandla: yati indlu yawa pezu kwazo inkosi, napezu kwabo bonke abantu abebekuyo. Kwa njalo abafileyo owabafisayo ekufeni kwake, bebebaninzi pezu kwabo abebafisile ekudleni kwake ubomi.