1
INTSHUMAYELI 9:10
IZIBHALO EZINGCWELE
Yonke into esiyifumanayo isandla sakho ukuba siyenze, yenzé ngamandla akho; ngokuba akukho kwenza, nakucinga, nakwazi, nakulumka kwelabafileyo, apho uya khona wena.
Thelekisa
Phonononga INTSHUMAYELI 9:10
2
INTSHUMAYELI 9:11
Ndabuya ndabona phantsi kwelanga, ukuba ukugidima asikokwabanamendu, imfazwe asiyeyamagorha; kananjalo isonka asisesezilumko; kananjalo ubutyebi asibobabanenqiqo; kananjalo ubabalo asilolwabanokwazi; ngokuba bonke bephela bafikelwa lixesha nasisihlo.
Phonononga INTSHUMAYELI 9:11
3
INTSHUMAYELI 9:9
Hlala kakuhle nomfazi omthandileyo ngemihla yonke yobomi bakho obungamampunge, akunikileyo phantsi kwelanga, ngemihla yakho yonke engamampunge; ngokuba sisabelo sakho eso ebomini, nasemigudwini yakho owaphuka yiyo phantsi kwelanga.
Phonononga INTSHUMAYELI 9:9
4
INTSHUMAYELI 9:7
Yiya udle isonka sakho unovuyo, usele iwayini yakho unentliziyo echwayithileyo; ngokuba sekukade ekholisiwe uThixo zizenzo zakho.
Phonononga INTSHUMAYELI 9:7
5
INTSHUMAYELI 9:18
Bulunge ubulumko ngaphezu kweempahla zokulwa; ke yena umoni emnye utshabalalisa okulungileyo okuninzi.
Phonononga INTSHUMAYELI 9:18
6
INTSHUMAYELI 9:17
Amazwi ezilumko, eviwe ngokuthozama, angaphezu kokunkqangaza kolawula phakathi kwezidenge.
Phonononga INTSHUMAYELI 9:17
7
INTSHUMAYELI 9:5
Ngokuba abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo àbazi lutho, àbasabi namvuzo; ngokuba balityelwe, àbasakhunjulwa nganto.
Phonononga INTSHUMAYELI 9:5
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo