INTSHUMAYELI 9:11
INTSHUMAYELI 9:11 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndabuya ndabona phantsi kwelanga, ukuba ukugidima asikokwabanamendu, imfazwe asiyeyamagorha; kananjalo isonka asisesezilumko; kananjalo ubutyebi asibobabanenqiqo; kananjalo ubabalo asilolwabanokwazi; ngokuba bonke bephela bafikelwa lixesha nasisihlo.
INTSHUMAYELI 9:11 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nantsi enye into endiyibonileyo apha phantsi kwelanga: ezona mbaleki zisenokungaphumeleli elugqatsweni, futhi namagorha avunyiweyo asenokoyiswa edabini. Ewe, izilumko zisenako ukuswela ukutya, kanti ke neengqondi zisenokuphulukana nobutyebi, kwanjengokuba neengcaphephe zisenokuphosana nezikhundla eziphezulu. Kaloku wonke umntu uba namaxesha namathuba akhe.
INTSHUMAYELI 9:11 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndabuya ndabona phantsi kwelanga, ukuba ugqatso asilolwabanamendu, nedabi asilolwabanamandla, nesonka asisosezilumko, nobutyebi asibobabuthathaka, nenceba asiyoyabasweleyo ngenxa yezilumko; kodwa wonke umntu uzalwa enexesha nethuba.
INTSHUMAYELI 9:11 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NDABUYA ndabona ngapantsi kwelanga, okokuba ukubaleka asi kokwabanamendu, nokuba ukulwa asi kokwamaṙoti, nokuba kanjalo ukutya asi kokwabalumkileyo, nokuba kanjalo ubutyebi asi bobabaqondayo, nokuba kanjalo ufefe asi lolwezazi: okokuba ixesha nebaqo lihlela bona bonke