1
INTSHUMAYELI 8:15
IZIBHALO EZINGCWELE
Ndaluncoma ke mna uvuyo, ngokuba kungekho nto imlungeleyo umntu phantsi kwelanga, ngaphezu kokuba adle, asele, avuye; loo nto ithane mbende naye emigudwini yakhe, ngemihla yobomi bakhe amnikayo uThixo phantsi kwelanga.
Thelekisa
Phonononga INTSHUMAYELI 8:15
2
INTSHUMAYELI 8:12
Nakubeni umoni esenza okubi izihlandlo ezilikhulu, ayolule imihla yakhe, noko ndiyazi ukuba kuya kulunga kwabamoyikayo uThixo, kwaboyikayo ebusweni bakhe
Phonononga INTSHUMAYELI 8:12
3
INTSHUMAYELI 8:6
ngokuba yonke imicimbi inexesha nesigwebo; ngokuba ububi bomntu buba buninzi phezu kwakhe
Phonononga INTSHUMAYELI 8:6
4
INTSHUMAYELI 8:8
Akukho mntu unokuwugunyazela umoya, awuthintele umoya; akukho unokuyigunyazela imini yokufa; akukho kukhululeka kuloo mfazwe; okungendawo akunakubasiza abaniniko.
Phonononga INTSHUMAYELI 8:8
5
INTSHUMAYELI 8:11
Kwanaloo nto ingamampunge. Ekubeni isigwebo singàwiswa kamsinyane emsebenzini ombi, ngenxa yoko intliziyo yoonyana babantu izele ngaphakathi kwabo kukwenza okubi.
Phonononga INTSHUMAYELI 8:11
6
INTSHUMAYELI 8:14
Kukho amampunge enzekayo ehlabathini: ukuba kukho amalungisa ahlelwa ngokokwenza kwabangendawo; kukho nabangendawo abahlelwa ngokokwenza kwamalungisa; ndathi, kwanaloo nto ingamampunge.
Phonononga INTSHUMAYELI 8:14
7
INTSHUMAYELI 8:7
ngokuba engayazi into eya kubakho. Ngokuba ngubani na onokumxelela njengoko kuya kuba njalo?
Phonononga INTSHUMAYELI 8:7
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo